Babanjiwe ababulele inkosikazi yaseSajonisi

Abanjiwe amadoda amabini arhaneleka ngokuxhwila ahlaba ze abulala owasetyhini eSajonisi uPam Burns onamashumi amathandathu anesibhozo ngeminyaka ubudala.

Oku kudizwe nguKapteni Mduduzi Godlwana othethela amapolisa aseSajonisi.

Ngokwengxelo ephuma kunyana wexhoba uMike Grobelaar zithi, unina usuke waduka kwindlu yakhe eseSecond Beach apho ebehlala khona yedwa, ekuseni ngoMgqibelo bengazi ukuba uyephi.

UBurns uxhwilwe nemoto yakhe yohlobo lweHyundai. Esaxakene naleyo, amalungu olu sapho, abone umyalezo wefowuni uchaza ukukhutshwa kwemali kwidolophu yaseLibode ngekhadi lebhanki likaBurns, emva koko kuye kwaphindwa kwakhutshwa imali kwidolophu yaseMonti.

Emva kophando lwamapolisa, abarhanelwa ababini baye babanjwa.

“Imoto ibhaqeke kwidolophu yaseMthatha izolo (Cawa) sele kukhuhlwe nenombolo yayo enguNPS 7504. Sibambe abarhanelwa ababini abadize ukuba bamhlabile bambulala bakugqiba bamlahla kwihlathi elikufutshane,” utshilo uGodlwana.

Ngethuba sincokola naye izolo uKapteni Godlwana uthe basendleleni abarhanelwa kwakunye nabecuphi beyokukhomba apho bawulahle khona umzimba wexhoba.

abongile.ginya@inl.co.za