Babanjiwe abadlwengule intwazana beyiphindaphinda

Ixhoba elidlwengulwe ngamadoda amane eBhongweni, esolulekwa ngumfundisi uNomelikhaya Kondile umfanekiso: siyabulela mqikela

Ixhoba lokuphindwaphindwa ukudlwengulwa iiyure ezintathu ngamadoda amane kwiveki ezimbini ezidlulileyo eBhongweni eMonti, lithi kungcono kakhulu kunakuqala xa ede wabe uyabanjwa omnye umrhanelwa kwabane.

“Kungcono kakhulu, ndiyavuya nangona bengekabanjwa bonke kodwa lo bendimbonile ebusweni ubanjiwe, kwaye uzakuthi achaze oogxa bakhe ebendidlwengula nabo. Ngoku ndizokwazi nokuphuma phandle nokuzihambela ndiyeke ukufuna ukukhatshwa kuba bendingasaphumi bendigrogrisa xa bedlula ngendlela ngasekhaya.”

Likutsho oku lintywizisa iinyembezi ngethuba sincokola nalo, lisithi ngokuye simbuza ngokwenzeke kuye liyavuseleleka kwaye ngokuba athethe phandle oku kukwamkhulula emphefumlweni. Ukubanjwa komnye kubo kukho into esukileyo ebuhlungu.

Le ntombazana, (30), ithi yayigqiba kuchama kule ndawo yentselo, ngethuba ixhwilwa ngamadoda amane. “Bandithatha bandisa kwityotyombe elikwalapha kule ndawo yentselo, bandidlwengulela khona betshintshiselana ngam,” kutsho le ntombazana.

Uthi wayengabazi ukuba ngoobani kodwa wabona wamnye, ohlala kwisitalato esinye kunye naye.

“Ndambona kuba wayelayita ifowuni ezakufaka ikhondom, elibele ukuzogquma ubuso. Ndothuka ndathula ndingafuni ukumbiza ngegama kuba bendisoyika andibulale. Engqondweni yam ibilixhala labantwana bam ukuba xa ndinokubulawa bazakushiyeka nabani kuba umama sele emdala,” kutsho ixhoba.

Eli xhoba linabantwana abane, owokuqala uneminyaka elithoba ze abenonyaka omnye owokugqibela.

Umama wexhoba uthi ibembi into ethe yehlela umntwana wakhe ngoba busuku kuba usaphakuzela ebusuku.

“Xa ethe waqalisa ukuphakuzela ebusuku bendikade nam ndilila kodwa ndabona ukuba mandiqine. Kodwa ndivuyela ukuba side sancedalaka kwabanjwa omnye umrhanelwa uyakuchaza abakhe. Intlungu kukuba akasaphumi phandle umntwana, akasakwazi nokusa abantwana ekliniki kuba abarhanelwa bayamgrogrisa xa bedlula ngendlela,” kutsho umama wexhoba.

Umhlali oxhalabileyo uAubrey Ngoqo, uthi unobangela wokwenzeka kweziganeko ezinje kula ndawo lulutsha olungenamisebenzi oluchithela ixesha lalo kwiziyobisi.

Ubuninzi beendawo zentselo ezingavaliyo kukwanegalelo nako, kutsho uNgoqo. Kwiveki ezayo kuza kubanjwa umthandazo ziimvaba ngeemvaba ngakwikhaya lexhoba ukuzo komeleza ixhoba ngokwasemphefumlweni.

Lo uboniweyo umrhanelwa ubanjwe esemsebenzini wakhe ngentsasa yayizolo. Isithethi samapolisa kulo mmandla uW/O Hazel Mqala, ukungqinile ukubanjwa komrhanelwa nangona ubengekabinazo iinkcukacha ezipheleleyo ngethuba sipapasha.