Babanjiwe abafaka amabango omgunyathi kwaRAF

SELE lingaphaya kwamashumi amathathu iqela lamalungu omkhambathi elithe labanjwa ngooKhetshe (Hawks), kulandela ukufaka amaxwebhu omgunyathi kwiRoad Accident Fund (RAF) lubanga izigidi zeerandi.

Uphando looKhetshe lusukela kwinyanga yoMdumba emva kokurhintyelwa kwabo bafake izicelo zokufumana imali engangezigidi ezisixhenxe zeerandi (R7 million).

Ingxelo eziphuma kothethela kooKhetshe ephondweni zithi, kubanjwe amalungu amane kweli qela kwiveki ephelileyo, nababanjwe eFlagstaff emveni kokuzama kwabo ithamsanqa kwabakwaRAF, befuna imali engangezigidi ezibini (R2 million) ngokuxoka ngelithi bonzakala kwingozi eyayenzeke ngo2007. Aba barhanelwa bane basandokubanjwa kwiveki ephelileyo, basukela kumashumi amathathu anesihlanu (35) ukuya kumashumi amathandathu (60) ngokweminyaka yobudala. Baye babanjwa baphinda bakhutshwa ngesilumkiso. Kulindeleke ukuba baphinde bavele ngomhla wesine kwinyanga yeKhala kwinkundla zamatyala aseFlagstaff. Ukanti abanye abarhanelwa abangamashumi amabini anesibhozo (28) sele bexoxa amatyala abo phambi kweenkundla ezahlukeneyo zephondo eziquka iMthatha, Sajonisi kwakunye neMbizana.

Isithethi soKhetshe kuzwelonke uLieutenant General Mthandazo Ntlemeza uluqwhabele izandla olu phando.