Babanjiwe abafundi baseKing Hintsa

Kubanjwe abasetyhini abasibhozo kwakunye namadoda amathathu ngokuba ndlongondlongo kuqhankqalazo oluphakathi kwedolophu yaseDutywa kwakunye noCentane.

Olu qhankqalazo luqale ngoLwesibini, luqalwa ngabafundi bekholeji ekula mmandla iKing Hintsa TVET.

Abafundi ngabeKhampasi eseTheko kwakunye neMacibe, baye bavala indlela uR409 ngamatayala avutha umlilo, bekwagibisela neemoto ngamatye.

Isithethi samapolisa ephondo uKhaya Tonjeni, uthi abafundi bebegibisela neemoto ezizidlulela ngendlela ngamatye.

Abafundi ababanjiweyo baselugcinweni lwamapolisa de babe bayavela kwinkundla zamatyala alammandla.

Ngokwengxelo zakutsha nje olu qhankqalazo lusaqhuba nanamhlanje nangona lingekho ndlongo-ndlongo. Uqhankqalazo luqale kunyaka ophelileyo nalapho bebekhalazela iimeko abahlala phantsi kwazo esikolweni kwanokungahoyeki kwabo ngabasemagunyeni.