Babanjiwe abakhuthuza ezibhasini zakwaGolden Aroow

EKAPA: Baza kutsho bakhuseleke abakhweli beebhasi zakwaGolden Arrow Bus Services (Gabs) emva kokubanjwa kwabantu abasixhenxe abatyholwa kwiziganeko zokukhuthuza ngaphakathi kwezi bhasi.


Amapolisa athi oku yimiphumela yophando oluthathe iinyanga ezintandathu.


Abarhanelwa baneminyaka ephakathi kwe19 ukuya kwengama33. Bonke baseluvalelweni. Baza kuvela ngomhla wama30 kule nyanga.


Ukususela kweyoMnga, kwabakho iziganeko ezininzi zokukhuthuza ezibhasini nto leyo eyade yabangela ukuba kusekwe iqela eliza kujongana nokuphanda oko.


Ngokutsho kwesithethi sakwaGabs, uBronwen Dyke-Beyer, imigulukudu ephanga ixhobile ingene izihlandlo ezingama20 ngaphakathi ezibhasini eKhayelitsha nasePhilippi.


Kwadutyulwa umkhweli webhasi wasweleka owayejijisana nabakhuthuzi kule veki iphelileyo eLingelethu West eKhayelitsha.


Isithethi samaPolisa uFC van Wyk uthe abanye babarhanelwa bafunyenwe nempahla eyakhuthuzwa ezibhasini.


“Tshotsho babanjwe. Siza kutsho sikhuseleke ngoku. Kudala sikhuthuzwa ezibhasini. Ndikwelo qela nam. Ndathathelwa ifowuni nemali eyayisebhegini kwibhasi esuka ePhilippi ndisiya edolophini ekuqaleni kwalo nyaka,” utshilo uVuyiseka Nodada wasePhilippi.


Naye omnye umkhweli webhasi, uMkhuseli Bulawu, ukholelwa ukuba baza kutsho bakhuseleke ngoku.


“Isiphangelisa kakubi into yokukhuthuzwa ngaphakathi ezibhasini. Umnqwazi awuqini qho xa ukhwela ibhasi ingakumbi xa ungena ekuseni namalanga. Mna bendikhe ndayiyeka ibhasi ndabhenela eteksini eduru. Nalapho ndohlulwa yimali ndabuyela ebhasini. Ndivuya kakhulu xa bede babanjwa,” utshilo.


Ilungu leKhayelitsha Safety Forum uVeliso Mawawa uthe ibikwelinye inqanaba into yokukhuthuza ezibhasini ingakumbi kule ngingqi.


“Besesibakhapha abantu abakhwela ibhasi. Sime esitophini de ihambe. Phi ke suke uve kusithiwa imiswe kwisitophu esithile kwakhuthuzwa. Kuhle kakhulu xa bebanjiwe. Ndiyathemba asoze bayifumane ibheyile,” utshilo.