Babanjiwe abakhuthuze ecaweni

Amapolisa abambe abarhanelwa ababini abaminyaka ilishumi elinesibhozo (18) eZwide ngempelaveki malunga nophango olwenzeke kwicawe yaseNew Brighton.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi igqiza lamapolisa aseNew Brighton eliquka abecuphi kunye namalungu ecandelo lothintelo lolwaphulo-mthetho lifumene ulwazi kwaye laya kumakhaya abarhanelwa apho baye babanjwa kulandela uphando olunzulu lweli qela. Abarhanelwa bajongene nezityholo zokuphanga bexhobile kunye nokuzama ukubulala.

“Ngophando olongezelelekileyo amapolisa afumanise ukuba omnye wabarhanelwa ungaphandle ngebheyile yasimahla emva kokuba ebanjelwe ukuba nompu ongenalayisenisi kunye nemoto ebiweyo ngoJulayi ka2024. Iqela lisaqhuba nophando, kungakho abanye ababanjwayo,” utshilo uMawisa.

UMkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uyazibulela iinzame zamapolisa zokuqinisekisa ukuba kubanjwa abo bebengunobangela wolu phango lwecawe.

“Oku kuthumela umyalezo ongqingqwa kubenzi bobubi wokuba amapolisa anelisekile kukulwa ulwaphulo-mthetho, kwaye asiyi kuthi xhaa ekulweni ulwaphulo-mthetho nokuzisa nokufuna ubulungisa. Sizibophelele ngokuqinisekisa ukhuseleko lwabemi bethu, kwaye amapolisa azakusebenza nzima ukuqinisekisa uluntu ukuba sizakuzama konke okusemandleni ukufezekisa oku,” uvale ngalo mazwi.

Esi sibini sivele phambi kweNkundla kaMantyi yaseNew Brighton ngoMvulo, umhla we12 kuAgasti 2024. Bagcinwe eluvalelweni kwaye baza kuphinda bavele enkundleni ngomhla wama20 kuAgasti 2024 ukuze bafake isicelo sebheyile esisesikweni.