Babanjiwe abane ngokubhubha komsasazi weJozi FM

Abakwantsasana bangqinile ukuba ngokwenene kubanjwe abantu abane ngokoyamene nokubulawa komsasazi weJozi FM uMandla Hlatshwayo.
UHlatshwayo nomhlobo wakhe uOupa Duma badutyulwe babulawa ngokuhlwa kwangeCawa ngethuba lophango olwenzeke kwindawo yentselo yasePimville.
UHlatshwayo, nowayesakuba ngumdlali kwiGenerations, ekunye nomhlobo wakhe, bachazwe njengabatshabileyo kwakwindawo yexhwayelo.
Ngokweengxelo, esi sibini besizama ukunceda amabhinqa amabini bewephangwa iminxeba kule ndawo yentselo.
Kunzima kusapho lukaHlatshwayo ukwamkela ezindaba nanjengoko kuthiwa noyise wabhubha ngendlela efanayo nekanyana wakhe kwiminyaka phantse elishumi eyadlulayo.
Usapho luzakubhengeza iinkcukacha zenkonzo yesikhumbuzo kungekudala.