Babanjiwe abaphazamise ubhaliso lovoto ephondweni

LIBE namagingxigingxi ubhaliso lokuvota kwimimandla eliqela eMpuma Koloni. Oku kudizwe yintloko ye-IEC kweli phondo uThami Mraji.

UMranji udize ukuba ngomgqibelo izikhululo ezintlanu ziphantsi komasipala iKSD, ngelixa ezibini zikumasipala iNyandeni.

“ENtabankulu izikhululo ezine bezingafikeleleki ngenxa yokuba kukho abavale indlela ngokuthi bombe imisele endleleni esinge kuzo,” utshilo uMraji.

Uthe ezi zikhululo zibuye zavulwa emva kokuba kungenelele amapolisa kwaditywa nale misele.

Ukanti naphantsi komasipala uMbhashe uMraji udize ukuba izikhululo ezisixhenxe zivule kade eXhorha ngenxa yoqhankqalazo lwabahlali. Nangentsasa yayizolo ubhaliso liqale kade kwizikhululo ezintandathu eNtabankulu, kwangenxa yokombiwa kwendlela.

“Abasebenzi ebebebhalisa kwakunye nezixhobo zokubhalisa zihanjiswe ngophephela wamapolisa,” uqhube watsho uMraji.

Ukwathe, abahlali baseXhorha bebesaqhubeka nokugrogrisa abo bayokubhalisa kuWadi 18 nakuWadi 28. Ibilikhulu elinamashumi amabini amawaka abantu ababhalisileyo ngethuba sisiya kushicilelo, nangona ubhaliso belisaqhubeka.

Ukanti amapolsa eli phondo abambe amashumi amathathu anesibini abarhanelwa eMthatha naseNtabankulu, nabayanyaniswa nodushe lwasesidlangalaleni elayanyaniswa nokubhaliselwa unyulo.

Ingxelo ekhutshe sisithethi samapolisa kweli phondo uColonel Sibongile Soci kwakunye nesithethi sesebe lobambiswano kurhulumento nemicimbi yemveli, uMamkeli Ngam ithi, amashumi amabini anesithandathu abanjwe eMthatha.

Le ngxelo ihambisa ithi, abo bathe babanjwa baminyaka eqala kwishumi elinethoba ukuya kumashumi amathathu anethoba. Babanjwe ngezenzo zodushe elikhokelele ekuvalweni kwesikhululo sovoto esikwisikolo samabanga aphantsi iPolar Park eMthatha.

Ukanti isithandathu esiminyaka eqala kwishumi elinethoba ukuya kumashumi amane anesine sibanjwe eNtabankulu ngezityholo zokomba indlela ephakathi kweBagqozini kwakunye noMzimhlophe, ngenjongo yokuthintela ukubhalisela uvoto.

Umkomishinala wamapolisa kweli phondo uLieutenant General Celiwe Binta uthe: “Oku kuzakuthumela umyalezo ongqingqwa kuluntu olwaphula umthetho ukuba singamapolisa asizukuvumela mntu agrogrise okanye athintele i-IEC ekwenzeni umsebenzi wayo kwiindawo zoluntu.”

Uthe ukubanjwa kwaba kuyinxalenye yamapolisa yokunika iinkonzo kuluntu, nokuqinisekisa ukuba kukho ucwangco kwiindawo zoluntu.

Bonke abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi eMthatha naseNtabankulu ngale ntsasa.