Babanjiwe abathengisa utywala bengenagunya

AMAPOLISA ageleleke engabhungisanga kwimizi ethengisa utywala eMonti ngokuhlwa kwangoLwesihlanu kwiphulo likaGqogqa elithe lakhokelela ekuvalweni kwemizi eliqela ethengisa utywala ngaphandle kwesigunyaziso.

Eli phulo liqhutywe kwiindawo ezifana neDuncan Village, Scenery Park, Buffalo Flats, Gunubie, Beacon Bay, Southernwood kwakunye neQuigney ngethuba amapolisa aseMonti nakazwelonke, isebe lorhwebo kwakunye noshishino (dti) nebhodi ejongene nolawulo lokuthengiswa kotywala eMpuma Koloni (Eastern Cape Liquor Board) bebesenza ugqogqa kwiindawo zentselo bejonga abo bathengisa bengenazo iimpepha mvume bekwajonga nemeko othemngisela kuyo.

Kwindawo yaseDuncan Village kutyelelwe amatyotyombe amathathu, elinye lawo likwisitalato saseFlorence apho kuye kwafunyanwa amakheyisi ebhiya asixhenxe, nekuye kwavalelwa owasetyhini nongumnikazi weshishini elo kuba engenazimpepha zokuthengisa.

Eyesibini indawo sisitalato iMahlangeni nekufunyenwe intaphane yotywala nakhona kwabanjwa owasetyhini ongumnikazi lo gama owesithathu ubengumntu ongutata kwaseDuncan ofunyenwe naye engenazimpepha, kwaye nomculo uphezulu. Kummandla waseScenery Park, kuvalelwe abanye abathathu bengenampepha.

Obu tywala bufunyenwe kolu gqogqo bukumlinganiselo weelitha ezingama-108, kwaye buseseluvalelweni lwamapolisa.

Olu gqogqo beluqale ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ukuya kutsho ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku.

Kweminye imizi ibiyintlungu belila abanikazi kuthathwa utywala. Amapolisa akwafike kweminye kukho neentsana zibukele xa uluntu lwasekuhlaleni lusela.

Isithethi samapolisa aseMonti uLieutenant Colonel Mtati Tana uthi abantu abathe babanjwa kolu gqogqo babelishumi elinanye (11) uninzi labo ngabasetyhini. Ezona ndawo bezijongwe ngamehlo abomvu ngamapolisa ibingummandla waseDuncan Village, Scenary Park kwakunye neBeacon Bay. Abo bebebanjiwe bakhutshwe ngesilumkiso.

Ongumhloli kwisebe lorhwebo noshishino, uTumelo Nkhahle osuka kuzwelonke ebeyinxalenye nolu gqogqo uthi, olu qgogqo balenza kuzwelonke.

Uthi eyona nto bayijongayo kukuba akukho bantwana bangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo, kwaye akukho mntu ukhulelweyo kusini na othengiselwa, futhi ngaba imithetho yelayisenisi iyathotyelwa kusini na.