Babanjiwe aboMtshovalale eRhini

Zingapha ko200 iibhotile zotywala obenzelwa ekhaya obaziwa ngokuba nguMtshovalale ezichithwe ngamapolisa ngoMvulo eMakhanda. Emva koko kuvalwe neendawo zentselo ezimbini ezithengisa lo Mtshovalale nobubutywala obungekho semthethweni.

Ezi ndawo zivalwe ngoLwesibini kule veki, ngethuba amapolisa ala mmandla kwakunye neEastern Cape Liqour Board beqhuba nephulo likagqogqa, iinjongo ikukuvala ezi ndawo zithengisa ngokungekho semthethweni kwanezo zenza uMtshovalale.

Eli gqiza libhaqe izindlu ezimbini kwilokishi iHlalani kwaseRhini ebezishishina ngobu tywala bungekho mthethweni. Aba babekwe ityala lokophula umgaqo ophantsi kukaAct 10 ka2003.

UBrigadiya John Lebok nobambele njengeNkumanda yesa sithili usikhalimele esi senzo sikaMtshovalale, esithi le yinto exhaphakileyo kweli loMzantsi Afrika.

“Inobungozi kakhulu kwiimpilo zabantu kwabo bamsebenzisayo. Amapolisa aza kuqhubekeka esenza olu gqogqo kuso sonke esa sithili,” utshilo uLebok.