Babanjiwe amadoda asixhenxe arhanelwa ngokuba imfuyo eMthatha

Imifanekiso yabarhanelwa abasixhenxe bakwaPayne eMthatha kwakunye nentsangu. Umfanekiso: Uthunyelwe
Kubanjwe amadoda asixhenxe aphakathi kwamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amathathu anesine ubudala ngamapolisa aseMthatha, emva kokufunyanwa kwabo benamafele egusha efihlwe emva kwendlu yangasese benayo nentsangu. Ngokwengxelo ephuma kumapolisa  alammandla abarhanelwa aba babanjwe emva kokuba ibutho elijongene nokubiwa kwemfuyo esipoliseni lithe lahletyelwa ngabahlali ekubeni kukho okungaqondakaliyo kumzi othile kwaPayne eMthatha.

Isithethi samapolisa uKapteni Mzukisi Fatyela uthi, aba babhaqwe ngoLwesithathu emva kwentsimbi yesihlanu ekuseni ngamapolisa benenyama yegusha abe ona amafele enga sese. UFatyela uthi, aba bakwafunyenwe benentsangu kwakunye nepilisi imandrax. Abarhanelwa balindeleleke ukuba bavele phambi kwenkundla zamatyala eMthatha. Indawo yaseBityi eMthatha kwakunye neSulenkama kuQumbu ibezizo ezihamba phambili kumatyala okubiwa kwemfuyo ngethuba kusenziwa iziphumo zenkcukacha zolwaphulo mthetho ngamapolisa ephondo.