Babanjiwe oonqevu ababhaqwe bephanga indlu

Babanjiwe oonqevu ababhaqwe bephanga indlu. Umfanekiso: Baronvsp

Amapolisa aseNew Brighton abambe abarhanelwa abathathu ngelixa babexakekile kwisenzo solwaphulomthetho, baze bafumana nompu kule mpelaveki iphelileyo, ngoMgqibelo umhla wama23 kweyeNkanga 2024, eNew Brighton, eGqeberha.

Kutyholwa ukuba malunga necala emva kwentsimbi yeshumi ebusuku, amapolisa esikhululo saseNew Brighton ebejikeleza KwaNdokwenza, ngethuba aqaphela imoto yohlobo lweToyota Etios emhlophe nebixelwe ukuba yimoto eqweqwedisiweyo kwindawo yaseMount Road.

Isithethi samapolisa, uCaptain Sandra Janse Van Rensburg, uthi xa amapolisa esondela kwisithuthi, umqhubi wakhawuleza waphuma emotweni watsiba ucingo.

“Bathe xa beleqa umrhanelwa, beva ingxolo kwisitalato iTom, KwaNdokwenza. Amapolisa khange aqhubeleke nokuleqa umrhanelwa endaweni yoko agqibe kwelokuba aphando le ngxolo ayivileyo.

“Amapolisa angene eyadini aqaphela abarhanelwa abathathu endlini, omnye umrhanelwa exhobe ngompu – nowadubula walimaza umhlobo wakhe emqolo, kwaye amapolisa aziphindezela adubula enzakalise umrhanelwa, umrhanelwa wesithathu yena ubanjwe engenzakalanga. Aba barhanelwa babini basiwe esibhedlele ukuze bafumane unyango kwaye baphantsi kweliso lamapolisa.

“Kutyholwa ukuba kukhatywe ucango kwangena abarhanelwa abahlanu befuna imali, iifowuni nezitshixo zemoto. Abarhanelwa abathathu bonke abaneminyaka elishumi elinesibhozo (18) bavalelwe ngezityholo zokuphanga, ukukhomba ngemipu nokuba nemipu engenaphepha-mvume eneembumbulu,” utshilo uJanse Van Rensburg.

Kuthiwa amapolisa athathe umpu wohlobo lweNorinco 9mm kunye neembumbulu. Imoto yohlobo lweToyota Etios iye yathinjwa ukuze kuqhutyekwe nophando.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata, uncome amapolisa ngomsebenzi wawo omhle nokhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abathathu kwaza kwafunyanwa umpu kunye nemoto ebiqweqwedisiwe.