Babanjiwe oonqevu abagqugqisa iBhayi

Kubanjwe amadoda amabini eBhayi narhaneleka ukuba akwiqela loonqevu. Qela elo ngempelaveki esisuka kuyo libanjwe kwindawo edume ngokuba lihlala kuyo kumantla eBhayi, libanjwe ngamapolisa eqela elijongene nophando loonqevu.

Esi sibini saba barhanelwa sibanjwe ngokunxulumene namatyala okubulala neliquka elokubulawa koonqevu uDonovan Barry obenamashumi amane anesixhenxe (47) ngomhla wesithathu kule nyanga sikuyo eBerthelsdorp.

Owesibini umrhanelwa ubanjelwe ukubulala uLoyiso Mjiyako onamashumi amathathu anesithathu (33) kwinyanga yoMdumba kulo nyaka sikuwo kwindawo iKleinskool.

Bobabini ababrhanelwa kulindeleke ukuba bathi tshe phambi kweenkundla zamatyala eBhayi ngale ntsasa.

Amapolisa aseBhayi ayancoma, esithi sukela oko kwathi kwaqala iphulo abalibiza ukuba ngu-Operation Lock Down umahluko ubekhona ingakumbi ekubanjweni kwabenzi bobubi, kwaye akwancome nentsebenziswano ephakathi kwabo nabahlali abathe gqolo bencedisana nabo besizisa ulwazi oluncedayo kumapolisa nolwenze ukuba kwabanjwe abantu abaninzi.

“Ulwazi oluthe lweza ngaphambili nabahlali, lulo oluncedisileyo. Kwaye sikwathembisa ukuba lo nto uzenayo ngaphambili igama lakho lakufihlwa aliyi kupapashwa. Ngokusebenzisana, sonke sakwenza iindawo zethu zokuhlala zikhuseleke,” utshilo uKapteni Sandra Janse Van Rensburg.