Babanjwa nini ababulali bakaBiko?

Kukho into esikhe sayiqaphela kule veki yokukhumbula uBantu Stephen Biko, into apha ebalisa eli bali lakhe ngokungathi ngumntu lo owabanjwa waze wabhubha eziseleni zamapolisa. Iyafuna ukulungiswa le nto.

UBiko zange abhubhe. Wabulawa. Xeshikweni kuhlolwa umzimba wakhe kwafumaniseka ukuba wayenomonzakalo kwingqondo, isikhumba sentloko, imilebe yomlomo, iimbambo ezophukileyo nezikhakha kumzimba wonke. Awunokuthi umntu ofunyenwe enjalo wasuka wabhubha.

Xa sibalisa la mabali kufuneka siwabalise ngokupheleleyo. Kwiphepha lesine, lesibhozo nelethoba kweli uliphetheyo sincokola nabantu ababemazi uBiko, sikwaxuba nezimvo zababhali bethu.

Uyakufumanisa ukuba zonke ezi zibhalo zimzoba njengomntu kuqala uBiko, phambi kokuba abe sesi siThixwana aguqulwe wasiso. Wayesela, ‘engumjita’ waselokishini, engumntu wabantu, enalo neliso labantu basetyhini, njalo njalo.

Zonke ezi zinto ziye zibumbe le nto ingumntu ukuze naxa sibalisela abantwana bethu bangaboni umntu ongafikelelekiyo; babone umntu ofana nabo. OoBiko bagqwesa ngenxa yeminqweno yokutshintsha intlalo embi abebezibona bephila kuyo. Wabulawa eyile nto sithi lulutsha kutshanje.

Ingaba ke ulutsha lwanamhlanje, phakathi kwako konke okukusela nokonwaba, lukhe luziphe ithuba lokucinga nzulu ngokutshintsha intlalo yabo?

Sisekumba wemibuzo, ayaphi la mapolisa aza ngaphambili kwikomishoni yoxolelwano nenyaniso (TRC) – la athi awayenesandla ekubhubheni kukaBiko? OoHarold Snyman, Daantjie Siebert, Gideon Nieuwoudt, Ruben Marx, noJohan Beneke? Kutheni bengazange babanjwe? Kutheni bengarhuqelwa kwiinkundla zamatyala bathethe inyani, emveni koko bayokugqibezela ubomi babo etrongweni? Sixakwe yintoni?

Kuna namhlanje usapho lukaBiko noluntu ngokubanzi alukayazi inyani. Kodwa abenzi bobobubi sasukat sabaxolela. Uzibuze ke wena mfundi ukuba uxolelwa njani umntu ongazange acele xolo kwaye ongazange akhuphe nebali elipheleleyo? Masingabethwa ngemf’iphindiwe isithi abaphetheyo. Hayi.