Babanjwe befuna ukubhunyula uSASSA iR1.3 million

Amapolisa aseGcuwa esebenzisana neeHawks kwakunye neSASSA abambe avalela abantu abahlanu emva kokubonwa bedlulisa uluhlu lwabaxhamli besibonelelo senkamnkam kwigosa lakwaSASSA ngeenjongo zokubabhunyula iimali zabo.

AbakwaSASSA bathi into enje yile iye ibangele ukuba abantu babone sele bengakwazi ukufumana iimali zabo.
Abo babanjiweyo kudizwe ukuba baphuma eRhawutini naKwaZulu Natal. 

Abasemagunyeni bathi ukuba beliphumelele eli nyathelo, esi sihlanu ngesizuze imali emalunga ne-R1.3 million.
AbakwaSASSA bathi ngokusebenzisa ubuchwepheshe babo bakwazile ukubona amagosa wabo amathandathu nasetyenziswa kulo mkhambathi.
Abarhanelwa ababanjiweyo kulindeleke ukuba bavele enkundleni ngoMvulo (umhla wama-28 kweyeDwarha).