Babanjwe benemipu engekho semthethweni kwiilali zaseDutywa

Amadoda amabini aseDutywa abanjwe ngamapolisa kulandela ukufunyanwa enemipu engekho semthethweni.


Isithethi samapolisa aseDutywa uKapteni Jackson Manatha uthi indoda yokuqala ibanjwe kuTyhothi logama enye ibanjwe eQomba. Zonke ezi lali ziphantsi kweChizele.


Le ndoda yakuTyhothi, eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, ifunyenwe ineePistoli ezimbini logama le yaseQomba, eneminyaka engamashumi amahlanu ananye, ifunyenwe ine-AK 47 enembumbulu enye.


UManatha uthi la madoda abanjwe libutho iNational Intervention Unit ebambisene namapolisa aseGcuwa kwanamalungu okunyanzeliswa komthetho kumasipala waseMbhashe.


Omabini la madoda bekulindeleke ukuba avele enkundleni yaseDutywa ngoLwesine.