Babeke imiboko, bafaka imisesane!

UXOLWENI manenekazi kuba abasasazi abathathu bakanomathotholo abasekho kwimarike yamasoka.

Aba basasazi, uAmaza Ntshanga, uLucky Matyolweni noSilulami Bunu bakhethe ukuba ngabayeni babantu.

Kwimpelaveki edlulileyo, umsasazi wenkqubo ethi Masigoduke kuMhlobo Wenene FM, uAmaza Ntshanga, uzincamile wazimanya ngeqhina lomtshato. UNtshanga, 43, ufake umsesane emnweni wenzwakazi yakuKomani. Ngokutsho kohlebele I’solezwe lesiXhosa, eli nenekazi nguSibulele Sivuyisiwe Peter. UPeter, osebenza njengeActuary (umntu osebenza ngamanani), ngumama kaMelokuhle noEnzokuhle, amawele asemancinane wakhe noAmaza.

Umsitho wokumanya esi sibini ububanjelwe kwikhaya lomtshakazi ngoMgqibelo kuKomani, ze usuku lwesibini ngeCawa kwayiwa kuloAmaza eQonce, apho kwenziwe umtshato wesintu.

Le misitho ibintsukumbini ibizinyaswe ngoosaziwayo abafana neqela lomculo iJaziel Brothers, imvumi yegospile uBetusile Mcinga nemvumi yomngqungqo uDumza Maswana.

Bekukwakho noogxa bakaAmaza emsebenzini abaquka abasasazi boMhlobo Wenene, uPutco Mafani, uPastor Nozewu, uZizo Tshwete, uMphathi woonomathotholo beSABC uNada Wotshela noAyanda Makaula oyiManejala yeSABC eMpuma Koloni.

Ukanti kwangempelaveki njalo, uSilulami ‘Slujah’ Bunu owenza inkqubo iDrive 326 kwiTruFM akafunanga kushiyeka kwimarike yoosokadala. UBunu uzimanye ngeqhina lomtshato nentombi yakwikasi lakhe iMdantsane. Lo msasazi ubafulathele bonke wakhetha isithandwa sakhe uSiphosam Viti. Sithetha nje uViti uthwele ikhetshemiya kwaBunu, ebizwa ngegama elitsha elithi ‘Lakhe’.

SiseseMdantsane apho, uLucky Matyolweni odume njengoLuckeez kubaphulaphuli boMhlobo Wenene FM, naye akafunanga kushiyeka kwabo bathi ‘umkam’.

Kwinyanga ephelileyo, uMatyolweni ucele isandla sasekunxele kumama wabantwana bakhe ababini uBabalwa Sonti waseGqeberha. Oku kwenzeka emva kwethuba elingephi uMatyolweni eqhawule umtshato nenkosikazi yakhe yokuqala. UMatyolweni noSonti ngabazali kuLakhanya noLathitha. Sithetha nje uSonti ubizwa ngokuba nguLibhongo emzini waseMaTolweni.

Sithi mpilonde, mpilontle kwezi zithandani!