Babekwe ityala abahlasela indoda egameni likaZuma

AMADODA amabini amhlophe azakulazi ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga ikamva lawo emva kokubekwa ityala kulandela ukunkula indoda emnyama yaseGonubie eMonti kwisehlo “sobuhlanga” esaphenjelelwa “yinkani neempazamo” zikaMongameli Jacob Zuma.

Ngenyanga yoMnga nyakenye, uPhumelele Tosana Dyasi (63) wabethelwa oogqirha nezicaka ngamadoda amabini angommelwane bakhe, besithi bacaphukela izinja zakhe “eziyabula” esitalatweni.

UDyasi wafumana umonzakalo ebusweni ngethuba ehlaselwa ngala madoda. Enye kula madoda yakhupha umpu, osele wathathwa ngamapolisa aseGonubie.

Lo kaDyasi waxelela I’solezwe ukuba enye kula madoda yamtshicela ebusweni ngamathe.

Enye yala madoda yavuma ukuba yamhlasela uDyasi. “Into esasiyibuza kuye yile yokungakhathaleli izinja zakhe. Ewe [ndatsho] kuye ukuba unenkani njengoZuma. NjengoZuma, yonke nje into embi ayenzayo (uDyasi) uyasinda,” yatsho le ndoda, nesingenakuyichaza nanjengoko ingekaveli enkundleni.

Isithethi samapolisa aseMonti uWarrant Officer Hazel Mqala ungqinile ukuba abekwe ityala la madoda. “Babekwe ityala lokukhomba ngompu, ukonzakalisa nokungena emzini womntu ngaphandle kwemvume. Bazakuvela enkundleni ngomhla weshumi elinesihlanu kweyoMdumba,” utshilo uMqala.