Babhenela kuRhulumente abalimi bakuNdabakazi

Amafama angamashumi amane eProjekthi ebizwa ngokuba yiZanentlutha, ezinze kwindawo yakuNdabakazi kwilali iJojweni Block 3 kufutshane nedolophu yaseGcuwa, adinga usomashishini okanye inkampani enokuthenga umbona oveliswa ngawo.

Oku kuvakele xeshikweni la mafama ebonisa ngamasimi kumasipala wesithili i-Amathole ngoLwesihlanu, apho atyale khona umbona olinganiselwa kwiihekthari eziyi-37 000.

La mafama athe aqale ukulima ngo-2014 engenazo izixhobo zokulima kuba nangoku kusenjalo, kwaye arhola kuwo imali epokothweni yokuthenga izinto ezifana neembewu.

Usihlalo weZanentlutha Projekthi, uMafanga Mzimasi, uthi: “singabahlali bakuNdabakazi sicinge ukuba silime kule ndawo yethu ukuze sigxothe ikati eziko, kwaye sikhangele ukuba asinokwazi na ukuthengisa umbona wethu eMalikeni.”

Uthi kwisivuno sabo sokuqala bazama ukuthengisa umbona kwiqumrhu elixhasa amafama, uMthiza, kodwa kwakhona ukungaboni ngasonye ngenxa yokuba kusithawa kuzakuqalwa kuthengiswe umbona wabo emva koko bafumane imali.

Woleke ngelithi iphupha labo bengamafama kukuthengisela oosomashishini umbona wabo ukuze bazokuvelisa amathuba emisebenzi.

Ngexesha lokuvuna la mafama aqesha ulutsha ngoba awanazo iimatshini zokuvuna kwaye aswele nendawo yokungcina umbona.

La mafama athi anethemba lokuba urhulumente uyakuwabonelela ngezinto zokulima nezokuvuna ngenye imini futhi afumane noqeqesho kuba ngoku asebenzisa indlela akhule ebona ngayo xa kulinywa umbona.

Igosa lase-Amathole, uThembinkosi Boko, uthi bazakuthi gqolo ngokunika inkxaso ngokuthi baqeshe iitele-tele zilime ziphinde zityale, kuba yeyona nto abanokwazi ukuyenza ngeli xesha imali ishokoxekileyo.