Liyakhula inani labantu beMpuma Koloni ababuyela kwinkolo kaNtu beshiya iinkolo ezifana nobuKrestu nezinye ngenxa yokukruquka ziziganeko ezahlukeneyo ezingenkolo.
Ingxelo yeNkolo kaNtu Religious Movement ngomlomo kaMonde Ciko, ithi abantu babona le nkolo njengelona khaya elinokubakhusela kwizigebenga ezandileyo kwezinye iinkolo.
“Ngomhla wesine kwinyanga yeSilimela sizakuba sisamkela abantu abasuka kwiinkonzo ezahlukeneyo, abanye badinwe kukuhlala bengenazo iinkolo abaphantsi kwazo,” uthethe watsho uCiko.
Uthi kudala abantu beli phondo nelizwe ngokubanzi befuna ukushiya inkolo yobuKrestu bezimanya nenkolo kaNtu, koko bebesoyika okanye besoyikiswa.
“Uninzi belirhuqa iinyawo kuba besoyika ukuba abazukungcwatywa zezi nkolo ukuba bathe bazishiya, ngoku nathi siyabangcwaba abantu kwaye sibakhuthaza ukungcwaba ngeendlela zakudala,” uthethe watsho uCiko.
Uthi nangona bengcwaba ngokwesiNtu betyeshela indlela yokungcwaba yaseNtshona, banayo imiceli-mngeni esuka kurhulumente ofuthelwe ngamandla ziinkolo zasemzini.
“Imithetho yesebe lezempilo ikwenza kubenzima ukungcwaba ngohlobo esifuna ngalo okanye abayolela ukuba bangcwatywe ngalo abantu bethu, thina sikhuthaza ukungcwatywa komntu emva kosuku ebhubhile, le mithetho ikwenza nzima oku,” ugadlele watsho uCiko.
Iinkokheli zale nkolo eQonce kutshanje zityelele intolongo yala ndawo ngeenjongo zokwabela ngolwazi kwanokuxhobisa abo baseluvalelweni. Umcimbi wokwamkelwa kwamalungu amatsha uzakuba uqhubeka eSweetwaters eQonce nalapho kulindeleke ubukho beenkokheli ezahlukeneyo zale nkolo kwanabo banqwenela ukuzimanya.
Ingxaki ezingxamele ukuqheleka zabafundi bobuxoki abenza izinto ezimasikizi kuluntu zibonwa njengezinye kwezibangela ukunyuka kwamanani wabantu abazinikela kule nkolo.
USiphelo Dyongman ngumntu omtsha othe wazinikezela kule nkolo kutshanje emva kokuba ekhuliswe likhaya elishumayela ubuKrestu.
“Ndizalelwe kwikhaya lamaKrestu kodwa kudala umoya wam ukhangela ikhaya, kuba bendihleli ndisazi ukuba ndifuna ikhaya elifanelekileyo kwinkolo, ndizimanya nale nkolo emva kokuthatha isigqibo esinzima,” uthethe watsho uDyongman.
Ingxelo ithi iinkokeli nabakhonzi bale nkolo bazakube beqhuba imvuselelo yabo eTabase eMthatha ngomhla wamashumi amabini.
Ukanti enye yeenkokheli zale nkolo uLoyiso Nqevu, uthi ngenene iyakhula inkolo yakwaNtu eMpuma Koloni.
“Kulo mcimbi sizakuba sinawo eTabase, sizakube sisamnkela abanye, sithi xa sicacisa kubo ibangathi sithetha into entsha abangayaziyo kodwa yinto endala yonke le,” ucacise watsho uNqevu.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo