Babhengeziwe abasasazi bee-SAMAs zalo nyaka

USomizi Mhlongo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Abaququzeleli beeSAMAs babhengeze uSomizi Mhlongo noTumi Morake njengababhexeshi bomsitho walo nyaka.

Ukudityaniswa kwesi sibini kuza kuqinisekisa ukuba iqonga laseSun City lizakube lijulelwe ulonwabo lodwa, intsini, ukuqhula njalo njalo.

UMhlongo udume ngokuba liyolisa kwimidlalo yeqonga, njengomsasazi kamabonakude nonomathotholo kwanemvumi.

USomgaga besasaza la mawonga noThando Thabethe kunyaka ophelileyo. Ukanti noMorake kwelakhe icala, akaloqhula nje kuphela, kodwa ukwahlonitshiwe njengomsasazi ophum’ izandla kumabonakude.

Ii-SAMA 23 zingobusuku bomhla we-27 kuCanzibe 2017, zakusasazwa ngqo kwiSABC 1 ngentsimbi yesibhozo.