Babhinq’ omfutshane begawula ihlathi lezihelegu!

 

Emva kweziganeko zokubhaqwa kwemizimba yabantu, eminye sele yonakele, eminye ixhonyiwe emithini ngakwihlathi elikwindawo eyayinevenkile yakwaJoji eNgqamakhwe, abahlali belali yaseTyeni eMgcwe, babhinqe omfutshane ngentseni yangoLwesithathu kule veki begawula le mithi.

Abahlali bathi bakholelwa ukuba eli phulo yindlela abacinga ukuba ingathi ibe sisisombululo kulwaphulomthetho olwenzelwa ngakule venkile.

Ngokwengxelo ephuma kothethela abahlali, uNomonde Sigadla, uthi kuthatyathwe esi sigqibo kwindibano yabahlali ebanjwa rhoqo kwilali yaseTyeni, ndibano leyo ijongene nophuhliso lwasekuhlaleni.

USigadla uthi esi sigqibo basithabathe emva kokwenyuka kwenani lwezi ziganeko ezibi kule venkile.

Kunyaka ophelileyo, ngenyanga yoMdumba, kwabhaqwa owasetyhini sele ebhubhile, exhonywe emthini ngabantu abangaziwayo, kwaye lo wasetyhini engengowaseTyeni. Kwaphinda kulo nyaka, kwiinyanga ezilandelayo, kwabhaqwa enye inkosikazi sele ibhubhile idutyulwe, kwaphinda kwabhaqwa umzimba wendoda engaziwayo.

Othethela ulutsha, uNondumiso Gana, uthi sebebona ngoku ukuba izaphulimthetho zifumene ikroba lokwenzela imikhuba yazo kule ndawo yakwaJoji. “Sikruqulwe zizihelegu zokubulawa kwabantu ngokungenalusini balahlwe kweli hlathi, ukuxhonyiswa kweemoto zenkamnkam. Asikhuselekanga! Kuba le yindlela esiyisebenzisa rhoqo ukuya edolophini, esikolweni kunye nasemadlelweni kuba imfuyo yethu idla khona,” utshilo uGana.

Abahlali bakhuphe kubo empokothweni, bethenga izixhobo zokugawula le mithi, apho umzi nomzi uye wakhupha imali ebiqokelelwa ngeenzame zokuthenga ezi zixhobo zokugawula.

Ulutsha luncedise ngokuthi luncame iimoto zalo luthutha abahlali nanjengoko iyindawo ethe qelele nasemizini le.

Ingxelo iqhuba ithi kule ndawo kugecwe kuyo le mithi kuza kuthi kucandwe amanxiwa ibe yimizi kwaye kuvulwe neendawo zamashishini.

USibonda welali, uMninawa Dotwana, uthi okuphambili kukuba mayixakeke le ndawo izokutsho iyeke nokuba sisigqubu sokwenzela ulwaphulomthetho.

Abahlali bakwahlaba ikhwelo kurhulumente ngenkxaso ukuze abancedise ngezixhobo ezinokuthi zenze ingaphindi ihlume le mithi igeciweyo.