Babhinq’ omfutshane bekhusela imfuyo yabo

ABAFUYI baseXesi badandathekile ngenxa yokubiwa kwemfuyo yabo ngamasela, kodwa abafuni kuthathela umthetho ezandleni zabo.

Noxa nje bekruquke kukungaselwa so kwamatyala okubiwa kwemfuyo eXesi, aba bafuyi bagqibe kwelokuqweba amacebo okukhusela imihlambi yawo emaseleni.

Amasela emfuyo eXesi akanalusini kangangokuba mama uthile kule dolophu uthathelwe iibhokhwe ezilishumi, abaphelela apho baphinda babuya bazokuthatha ezinye, bebuya sele bekhetha bethatha ezi bazifunayo.

Ngoku abafuyi baseXesi bathi kwanele! Bathi bafuna ingqwalasela yokuba kwenziwe umzekelo ngabantu abenza lo mkhuba eXesi, kodwa kusenziwa oko ngaphandle kokuthathela umthetho ezandleni.

Kwiveki ephelileyo bebebambe indibano eXesi izinyaswe ngamagosa asesipoliseni.

Bathetha ngazwi linye lokuba undoqo ngamacebo okukhusela lo mkhuba ungxamele ukubhuca okanye ukugulula iibhanki zabantu abazizamelayo.

UMzuzu Qhuma, ongusihlalo weMiddledrift Anti-Livestock Theft, uthi bakholelwa ukuba kukubambisana okunokuphelisa lo mkhwa.

“Into esisusileyo singabafuyi baseXesi, kukuqaphela ukuba sikhala ngehlaba elinye sonke – eli lokubelwa imfuyo. Le mfuyo ibiwayo akukho nto yenziwayo ngamapolisa. Abo babanjiweyo, amatyala akahambeli ndawo. Yonke lo nto isenzeka nangona nje imfuyo iphela kubiwa. Imfuyo iyabiwa apha eXesi futhi ikhutshwa ebuhlanti enye yayo.

Siqonde ukuba masidibane kuba asifuni kuthathela umthetho ezandleni zethu,” utshilo uQhuma.

Ngokwenza le nkquleqhu aba bafuyi badibanise iinkosi namapolisa ephondo ukulwa lo mkhuba wokubiwa kwemfuyo. Aba bafuyi bakwafuna neskiti esiseXesi, okanye kufuphi naseXesi, kuba bathi esona skiti kusiwa kuzo izilwanyana zabo kuseCumakala. Xa igcwele iCumakala, aba bafuyi bathi imfuyo yabo isiwa kuKomani okanye eDutywa.

UVuyani Ngcuka, ongumfuyi nolixhoba lokubelwa imfuyo, uthi babone ukuba mabadibane ngenxa yodandatheko nokungafumani nkxaso emapoliseni xa bebike ngokubelwa imfuyo.

“Imfuyo yethu ihluthwa kuthi nasemin’ emaqanda. Omnye umama uthathelwe iinkabi zebhokhwe ezilishumi, baphinda babuya kwakhona bathatha zantandathu,” kutsho uNgcuka.

UNgcuka uthi baza kubamba enye indibano ngomhla weshumi elinanye kweyoKwindla, ukuze babelane ngezimvo nezindululo zendibano yeveki ephelileyo. UNgcuka ukwacele abafuyi baseXesi ukuba babuyise amaxwebhu ezicelo zokutshiswa (ukunombola) kwemfuyo yabo phambi komhla weshumi elinesine kule nyanga yoMdumba.

“La maxwebhu aza kuthathwa asiwe ePitoli emva koko abuye nazo ze isebe lezolimo litshise (linombole) imfuyo yabantu. Ingxaki ekhoyo kukuba la masela ayayitshisa (ayayinombola) imfuyo xa egqiba ukuyiba ayenze eyawo,” kutsho uNgcuka.