
BABHIYOZELE usuku lwenkcubeko namagugu ngokupheka ukutya kwesintu okwahlukeneyo ngelibonisa abantwana ukutya ekwakutyiwa kakhulu kudala ootitshala beSinoyolo Day Care Centre.
UNande Ngogela ojongene neli ziko labantwana eNdlovini ePort Alfred uthe eyina njongo yokubhiyozela olusuku kukukhulisa abantwana bekwazi ukutya kwesintu. Uqhube wathi “Sikholelwa ukuba xa umntwana umfundise esemncinane akukho lula ukuba alibale ezo zinto afundiswa zona.” Ukwavakalise ukuba nangona abantwana babo besebancinane kufanele bayazi imvelaphi yabo.
Abantwana bebeze nabazali bebhiyozela olusuku nalapho bekutyiwa konwatyiwe kukwafundiswana nangezinto zesintu. Ukutya obekuphekwe apha singabalula umngqusho, ibhatata, ulusu, amarostile, intyabontyi, umqombothi nezinye izinto.
UNosakhe Ndawoni ongonye wabazali uthe uvuye kakhulu ngomsebenzi owenziwe ngootitshala baseSinoyolo kuba bona bengabazali bebengayilindelanga lonto kuba kufundiswa abantwana abancinane.
Uqhube wathi, “Ndothuka xa ndifumana ileta endicelayo ukuba ndibelapha ngolusuku kwaye bendingalindelanga lento intle kangaka bayenzileyo kuba ke abantwana bakhuliswa ngumzali nootitshala.”
UThandiwe Manyathi ongumnye wabazali osele ekhulile ucacisele abantwana ngendlela ababephila ngayo kudala. Uthe, “Kufuneka nizijonge izinto enizityayo kuba zizo ezenza umntu aphile ubomi obude kwaye oko kungenzeka xa nisitya kakhulu ukutya kwesintu.”
Uqhube wathi, “Nani bazali kufuneka nimane nibaphekela abantwana ukutya kwesintu ngalondlela bazokhula besazi apho basuka khona.”
Watsho esithi makungalindwa usuku oluthile, abantu mabatye ukutya kwesintu nokuba kukabini ngeveki.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike