Babhokile oonoteksi eDutywa!

Umfanekiso : Mbulelo Sisulu

IMEKO imaxongo kubantu baseDutywa ngoba izithuthi zikawonkewonke azikhwelisi bantu. Oku kuza emveni kokuba kubanjwe oonoteksi abahlanu ngoLwesihlanu eDutywa kule veki iphelileyo.

NgoLwesihlanu oonoteksi bebegade izithuthi ezikhwelisa abantu esithubeni. Kodwa ngalo mhla badibene neembila zithutha. 

Indoda ethile enguMtshutshisi kwinkundla yamatyala eDutywa ikhwelise abantu abahayikhayo. Oonoteksi bayimisile le ndoda yaze yatsalela umnxeba amapolisa ukuze azokuhlangula kwingxabano ibikhona apho.

Usihlalo weNcedo Taxi Association kwingingqi yaseKei uMzwakhe Sogigashe uthi ibaphatha kakubi le nto.

“Lo mtshutshisi kudala eyenza le nto yokukhwelisa abantu ngenkani apha eDutywa. Namhlanje sithathe isigqibo sokuba akukho mntu uza kulayisha bantu apha eDutywa de kuphume oogxa bethu ngapha kwezitshixo. Eyona nto isikhathaza kakhulu apha kukuba la madoda aqanyangelwe ngamatyathanga ngokungathi ngababulali. UNcedo Taxi Association kwakunye noBorder Alliance babambisene kolu gwayimbo. Siyacela nabanye abantu abangengabo oonoteksi ukuba bangalayishi,” utsho uSogigashe.

UMonde Ntoyakhe ongumphangeli eMonti ukhala esimantshiyane ngale meko.

“Bendibuyele impelaveki kuba besinomcimbi ebesinawo ekhaya. Bekulindeleke ukuba ndibe semsebenzini namhlanje kodwa andikwazanga kungena kuba iimoto azilayishi namhlanje ngenxa yembambano ekhoyo. Uloyiko lwam kukuba lo msebenzi bendisanda kuwufumana apha ezinyangeni. Ngoku ndisecicini lokuphulukana nawo kuba ndiva kusithiwa iimoto azizukulayisha de kube kanti kuphuma aba noteksi babanjiweyo.

 “Ndisengxakini enkulu kakhulu nangona ndibaxelele abelungu bam malunga nale nyewe. Ingaphela nale veki ndingaphangelanga ngoba ndixhomekeke kwiziphumo zangoLwesithathu. Kubuhlungu ukungabi namoto eyeyakho kuba ukuba bendinemoto yam ngendisemsebenzini eMonti ngoku,” utshilo uNtoyakhe.

Isithethi kwiSebe lezoThutho eMpuma Koloni, uUnathi Binqose, uthi nangona bengakukhuthazi ukuhayikha ngenxa yeziganeko neengozi ezithi zibe zibi kodwa oonoteksi okanye namphi na umsebenzisi wendlela akanalo ilungelo lokunyhasha amalungelo abanye abantu.

“Loo nto ayihambisani nomthetho weli lizwe. Siza kuqinisekisa ukuba simemelela amapolisa ukuba awulandelele lo mcimbi. Siyacela sibongoza ukuba bonke abasabenzisi bezithuthi zikawonkewonke ukuba bahloniphe kwaye bayazi ukuba alukho ushishino ngaphandle kwabo.

“Sikwahlaba ikhwelo kubakhweli ukuba mabakhokhelise ukhuseleko phambili ngalo lonke ixesha kwaye babikele amapolisa ngezinto ezidibene nezigrogriso ngakubo,” utshilo uBinqose.