Babhokile

ootsotsi

eMthatha

Zintathu iivenkile zabemi bamazwe angaphandle ezithe zaqhekezwa ngoonqevu kubusuku bangoMgqibelo kwilokishi iSlovo Park kwidolophu yaseMthatha.

U-Daniel Dagne, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ubudala ongumnikazi wenye yeevenkile eziqhekeziweyo, uthi ekuzeni kusa ngeCawa kuqhekezwe ivenkile yakhe ngamadoda amane ebezogqume ubuso, nathe angena anyanzelisa ukunikwa imali, athatha izinto ezithengiswa evenkileni, emva koko adlwengula ibhinqa elineminyaka elishumi elinesibhozo ubudala elincedisa kwivenkile yakhe akugqiba aphela emehlweni.

“Sizibona singamaxhoba oonqevu thina bantu bangabemi bamazwe angaphandle kwaye asikhuselekanga,” utshilo uDagne.

Ukwathi iziganeko zokuxhonyiswa kwamashishini abo bayazibika emapoliseni kodwa uphando lungahambeli ndawo kwaye namapolisa ayala neenkcukacha zophando lwawo kwezi ziganeko.

“Ndineminyaka elithoba ndiqhuba ishishini lam kule ngingqi kwaye kulo nyaka uphelileyo ndiqhekezelwe kwishishini lam amatyeli amane,” utsho uDagne.

Ukanti uSimosakhe Memani ongomnye wabahlali baseSlovo Park, uthi kudala zivakala iziganeko ezikumila kunje kwaye ngoku bengabahlali abazukuphumla de babanjwe oonqevu bajamelane nengalo yomthetho.

“Aba bantu bangabemi bamazwe angaphandle banamashishini kwezi lokishi zethu bayasinceda kakhulu ngoba sithenga kubo,” utshilo uMemani.

Uthi bengabahlali bazakuseka iqela elizakulwa nolwaphulo mthetho ingakumbi ngempelaveki. “Sizakubamba intlanganiso kuzo zonke ezi lokishi zethu senze ugqoqgo olungena umzi nomzana sikhangela izinto ezibiweyo,” utsho uMemani.