Babhubha yingqele e-Eugene

ABAHLALI bendawo yamatyotyombe i-Eugene eGcuwa bathi indawo ababekwa emva kokufuduswa ngenkani kwindawo ababehlala kuyo idale unxunguphalo oluthe labangela ukuba baphulukane nezihlobo zabo ngenxa yengqele engathethekiyo kule ndawo.

Kangangendlela le ekubanda ngayo e-Eugene, i-oyile okupheka (cooking oil) ijika ibesisigaqa okongathi ifakwe kwisikhenkcezisi.

Abahlali bale ndawo basuswa ngenkani kweyoKwindla ngo2011 kwindawo ababehlala kuyo eBhungeni ngaseGcuwa kuba kusithiwa kuza kwakhiwa udederhu lweevenkile (shopping mall), nto leyo ingazange yade yenzeka.

Ngethuba lokususwa kwabo ngenkani ngunothimba waseGcuwa, ababahlali kwanyanzeleka ukuba balale phandle iintsuku ezintathu emva kokuba kwafika uganda-ganda owatyumza ezozindlu namatyotyombe azo.

Phakathi kwabo bantu ababengoodingi-ndawo yayinguBuyiswa Jojozi owayeneminyaka elikhulu elinesine (104) ngo2011. UJojozi ubhubhe ngo2014 kwaye abahlali bale ndawo bathi wayekhala ngokugodola.

Ngokubona intlungu yabo kumaphephandaba, iqela lamagosa asuka kwi-ofisi kaMongameli Jacob Zuma agaleleka kule ndawo ngelizama ukufumana isisombululo. La magosa ayekhokelwa ngu-Eugene Mthethwa, oyimvumi eyayikwiqela iTrompies, owayesebenza njengomnxulumanisi woluntu kwi-ofisi kaZuma.

Emva kothotho lweendibano ezathatha iintsuku ezintathu, uMthethwa wazama isisombululo sokuba uluntu lwaseBhungeni lakhelwe izindlu zethutyana. Kwenzeka oko nanjengoko izindlu zethutyana zathi zakhiwa eZithulele eGcuwa.

Ukufika kwabo kule ndawo, abahlali bagqiba kwelokuba mabayibize njenge-Eugene kuba nguye owabancedayo.

Isivumelwano phakathi kukaMthethwa kwakunye norhulumente waseMpuma Koloni yayikukuba abahlali babezakuthatha iinyanga ezintathu emva koko bakhelwe izindlu zokwenyani.

Zange sithathelwe ngqalelo esisigqibo ngurhulumente wephondo kwakunye namagosa kamasipala waseMnquma.

ULindiwe Jwayi (62) uthi into ethe yavela kukuthenjiswa umhla nezolo ngamagosa karhulumente. “Bayaphela abantu yingqele kule ndawo. Sihlala kwindawo enomgxobhozo futhi ebanda kakhulu. Bamalunga namashumi amabini anesihlanu abantu abathe babhubha ngenxa yengqele kule ndawo phakathi ko2011 no2016,” kutsho uJwayi.

Uthi xa kumalunga nentsimbi yesithathu ngentseni kule ndawo, ungade umbethe umntwana kuba umtyhola ukuba inokuba uyifake amanzi ingubo ngenxa yengqele.

UNtombizandile Limba (54) uthi ngenxa yengqele kule ndawo, amafutha okupheka (cooking oil) ade aqine okungathi afakwe kwisikhenkcezisi. “Sisimanga sento le ndawo.”

UVathiswa Matshebelele uthi ufunyenwe sisifuba ngenxa yengqele yale ndawo. “Ndiphuma ndingena esibhedlele, ngenxa yokuqaqanjelwa ngamathambo,” utshilo uMatshebelele.

Ecacisa ngokufikelela kwisigqibo esakhokelela ekuthiyweni kwale ndawo, uJwayi uthe: “Sayithanda into awasenzela yona, kuba sasihleli phandle singayazi nokuba sizakuya ngaphi. Wafika yena wasizamela indawo yokufihla intloko, sabona ke ukuba naye masimenzele imbeko,” utshilo uJwayi.

Uthi ikomiti yokwakhelwa izindlu kwabahlali bale ndawo, yade yaphelela esithubeni “kuba amagosa karhulumente akabonakalisi kuyihoya”.

Isithethi sesebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha uthe: “Abantu base-Eugene abalityelwanga. Ingxaki kule ndawo ngumhlaba, ekufuneka siwufumane phambi kokuba kwakhiwe izindlu.”