Babhubhe bebhaptiswa abantwana abathandathu

Kubhubhe abantwana abathandathu bosapho olunye ngethuba bebebhaptiswa emlanjeni ngaseSadza kumzantsi mpuma elizwe laseZimbabwe.

Othethe egameni lamapolisa aseZimbabwe uCharity Charamba uqinisekise ukuba amapolisa abambe amadoda amabini ngesi siganeko.

“Amapolisa abambe avalela uMaud Dzvuke ominyaka ingamashumi amathathu kunye no ane Ruvinga ominyaka ingamashumi amathathu anesine kuba ngabo abebekhokele le nkonzo,” ucacise watsho Charamba.

Ingxelo kaCharamba ithi, esi sibini sithathe abantwana abalithoba sayakuba bhaptiza kumfudlana okufutshane, bavela batshona babhubhela apho abathandathu lo gama abanye besagcuma esibhedlele.

Abantwana ababhubhileyo ngamakhwenkwe amabini neentombi ezine ababudala buphakathi konyaka omnye neminyaka elithoba. Z-

enziwe iinzame zokubanceda ukuba baphefumle kwakho, kodwa azikhange ziphumelele emva kokuba bekhutshelwe ngaphandle kwamanzi.

“Ukuba uncedo belungafikanga ngokukhawuleza ngebebhubhe bonke abantwana, kodwa abanye aba basindiswe kukufika koncedo ngokukhawuleza,”utshilo uCharamba.

Abantwana ababhubhileyo nguTafadzwa Dzvuke, Tinotenda Dzvuke, Shamiso Pfumbidza, Patience Pfumbidza, Blessed Muvadi,Em manuel Dzvuke.

Imizimba yezi ntsana ithunyelwe kwindawo yokugcina izidumbu eHarare kamva.

Ziqhelekile iingxaki zokubhubha kwabantu ngokutsona emilanjeni okanye besimnka namazwi eZimbabwe.

siyabulela.mqikela@inl.co.za