Babhubhe belungiselela ukungcwaba eNgcobo

AMAPOLISA eMpuma Koloni asezithendeni zabarhanelwa abane abadubule babulala abantu abane abebexakekile besomba amangcwaba, kwilali yaseQutubeni eNgcobo.

OnguMlomo emaPoliseni, uBrigadiya Tembinkosi Kinana, uthi esi sine besimatasatasa silungiselela ukungcwaba kwakhona amathambo wabazali baso ngethuba sihlaselwa.

Uthi abanye ababini abantu baye basinda kolu hlaselo, kodwa indoda enama50 eminyaka ubudala yonzakele kakubi yaze yabalekiselwa esibhedlele.

UKinana wongeze ngelithi, amadoda amane abhubhileyo akwiminyaka ephakathi kwama39 nama77 ubudala, kwaye imizimba yawo ifunyenwe iqungquluze egadini yekhaya kufutshane namangcwaba.

“Oyena nobangela wolu hlaselo uyaphandwa. Akukabanjwa mntu okwangoku,” kutsho uKinana.

OnguMkomishinala wamaPolisa, uLieutenant General Nomthetheleli Mene umisele ukubanjwa kwabenzi besi senzo zingaphelanga iiyure ezingama72.