Babhubhe emva kokutya inyama yomleqwa

1.Nophelo Ngqiba (41), Okuhle Ngqiba (17) noNosithembele Ngqiba (19) basothukile emva kokutya inyama yomleqwa eSamora Machel.

Iingxelo eziphuma kwiziko lokuhlola iintsholongwane
kwisixeko seKapa zidiza ukuba bekungekho ntsholongwane yanele ukuba ingabulala
okanye igulise abantu kwinkukhu ibityiwe lusapho lakwaNgqiba, eSamora Machel
kweli leKapa.

Icandelo lezempilo kokusingqongileyo kwisixeko,
lithi liyangqina ukuba le nkukhu ibikulungele ukuba ingatyiwa ngabantu emva
kokuba ithengiwe.

Ezi zingxelo zohlolo lwenyama ebishiyekile ingekaphekwa
kwanomhluzi wenyama leyo ibisele iphekiwe washiyeka emva kwesidlo. Kudizwa
ukuba akukhange kuhlolwe nyama nanjengoko ibityiwe yonke ebiphekiwe.

Amagosa ezempilo kokusingqongileyo kwisixeko,
athi atyelele indawo ebikhulele kuyo le nkukhu phambi kokuba ixhelwe, nendawo ethengwe
kuyo lusapho lwaseSamora- kwaye kuzo zombini ezindawo akukho nto igwenxa
ibingakhokelela ekuswelekeni kwabantwana.

Ngokwengxelo yabo aba bahloli bezempilo bathi
bonisekile kwaye akukho nto ibangela nkxalabo kwindlela ekhuliswe nexhelwe
ngayo le nkukhu.

Oku kulandela ukusweleka kwabantwana ababini
kwagula abantu abadala abathathu emva kokutya inyama yenkukhu ibithengelwe
ukutyiwa nanjengoko bekuphele inyanga olu sapho luqhele ukwenza njalo.

NgoMvulo umhla wesithathu kule nyanga, uNophelo
Ngqiba oneminyaka engamashumi amane ananye (41) ubudala, wathenga le nkukhu
njengesiqhelo ze yaphekwa yintombi yakhe endala.

Le nyama yatyiwa lusapho lakwa Ngqiba, umama, utata,
abantwana abathathu kunye nabamelwane abaliqela.
Abantwana ababini kwabo bathe batya le nyama baswelekile logama abantu abadala
abathathu babalekiselwa esibhedlele bafumana unyango. Umpheki nonina nangona
beyityile nabo le nyama bona abagulanga.

Umpheki wenyama uthi akayazi ukuba kwenzeka ntoni
kuba kwisithuba semizuzu engamashumi amathathu emva kokuba kutyiwe isidlo
sasebusuku wabona abantakwabo abancinci noyise bexhuzula bephuma amagwebu ngeempumlo
nomlomo, abanye babalekiselwa esibhedlele nalapho bafumana khona uncedo.