Babhubhe kwinkonzo yobhabhatizo!

Amalungu ecawe atshone ngethuba kubhabhatizwa eMonwabisi Beach eKapa IMIFANEKISO: Pando Jikelo

Kapa: Ngabantu abathathu abathe barhaxwa basweleka kulwandle
iMonwabisi eKhayelitsha ngethuba kubhabhatizwa amalungu ebandla iSt Pauls
Apostolic ngentsasa ngeCawa. 

Ingxelo yamagosa okhuselo nokhuseleko
kwiSixeko seKapa idiza ukuba amadoda amabini kula abhubhileyo ebebhabhatizwa
kwaza kwafika umsinga omkhulu wemka nawo, indoda yesithathu ibingelo lungu
lecawe ingene ngelizama ukuyokuhlangula ababini kodwa nayo yarhaxwa yasweleka.

Usomlomo wecandelo lokhuselo nokhuseleko kwisixeko seKapa
uWayne Dayson uthi: “ Amadoda amathathu arhaxwe elwandle ngethuba kusenziwa
inkonzo yokubhabhatiza kulwandle iMonwabisi. 
Amadoda amabini bebhabhatizwa
afumene ingxaki ngethuba esemanzini, nalapho indoda ibiselwandle nayo ngela xesha
ingene emanzini ngelizama ukuya kunceda, yonganyelwa ngamaza yarhaxwa basweleka
bobathathu. Amapolisa azindadi afumene indoda ebizama ukunceda kuqala, elinye ilungu lecawe ebelibhabhatizwa lifunyenwe emva kwethuba kukhangelwa logama owesithathu
engekafunyanwa”. 

UDayson uthi liye lamiswa iphulo lokukhangela owesithathu
ngenxa yesimo sezulu ebe singesihle kulephuza amaza.

Othethela amapolisa kwiphondo leNtshona Koloni usajini
Noloyiso Rwexana, uthi kuvulwe idokethi lokuphanda ngonobangela wesi siganeko,
kwaye kuza kuqhutywa kukhangelwe umzimba wendoda eneminyaka engamashumi
amathathu ubudala ongekafumaneki.

Nangona kunjalo, abayekanga ukuthetha abantu kwiqonga
lonxibelelwano iFacebook nalapho abanye besithi kungenzeka ukuba umfundisi
uthwele.

Abanye bavelana namalungu eentsapho eziswelekelweyo kukwakho nelungu
lale cawe elithi belikho ngethuba lesiganeko kwaye ngendlela abonakala ngayo
umfundisi obeqhuba olu bhabhatizo akukuhlanga kwaphela. 

“Ukhathazekile, ulila
ukodlula inkosikazi yakhe kuba aba bafana babhubhileyo bebehlala naye endlwini
besele befana nabantwana bakhe.”

Ngethuba kusenzeka esi siganeko bebengekafiki abahlanguli
elwandle kuba baqala ngentsimbi yeshumi ukusebenza kwaye isiganeko sona senzeke
phambi kwentsimbi yesibhozo kusasa.