Babhubhe likhandlela abantwana emva kokucima kombane

USodolophu woMasipala Umzimvubu uSobane Mnukwa kwindlu apho kubhubhe abantwana ngenxa yekhandlela UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Bebezibukelele umabonakude njengesiqhelo eSibhozweni KwaBhaca ngokuhlwa kwangoLwesithathu. Kuthe kusenjalo kwemka umbane ngenxa kacimicimi (load shedding), ze bakhanyisa ikhandlela.

Iingxelo zithi aba bantwana bane (4), nabakwangabafundi, baye babiwa bubuthongo bengalicimanga ikhandlela.

Kothukwe ngamalungu osapho sele ingamadangatya babe sele bebhubhile.

Ethetha ngesi sehlo, olilungu losapho uBoniswa Sibewu uthi oku akukholeleki.

 “Sikwintlungu emandla. Esi sehlo asikakholeleki nangoku, kodwa asisoli mntu,” utshilo uSibewu.

USodolophu woMasipala Umzimvubu uSobane Mnukwa uye watyelela ezi ntsapho ngoLwesine, eyokuzithuthuzela ekwazinika noncedo lokuqubisana neendleko zomngcwabo.

“Sivelana nani ngeli xesha linzima. Thuthuzelekani futhi nikhumbule ukuba nathi sinentlungu [malunga noku],” utshilo uMnukwa.

Amalungiselelo omngcwabo ebengekabhengezwa.