Ayazenzela amadimoni kubafundi besikolo sabantwana abaneziphako zomzimba Ikwezi Lokusa Special School eMthatha.
Ngabafundi abalishumi elinanye abangeniswe esibhedlele buphuthuphuthu beyonyangelwa ukuphazamiseka engqondweni ngoMvulo wale veki.
Kunyanzeleke kubizwe abefundisi bebandla iAssembles of God ukuba bazothandaza, kodwa akhange kubekho mahluko, lo mkhuba usuke waqatsela kwabhenelwa kwisebe lezempilo.
Ngethuba kugaleleka oonondaba abasebenzi besi sikolo bebesothukile lo gama abanye bebetsalana nabanye babafundi abahlaselwe ngamadimoni bekhala bezibhuqa phantsi.
Omnye wabasebenzi othethe bucala noonondaba uthi, la madimoni aqale ngempelaveki, kwaye ukhona umfundi osele ekhululelwe kubazali bakhe nto leyo idale kwabizwa abefundisi.
Abanye abafundi bavakele besithi akukho mfuneko yakusiwa kwabafundi esibhedlele kuba abaguli nto nje kudingeka umthandazo, lo gama omnye exelele abasebenzi ukuba kuthiwa makangene nonina ebhokisini yomngcwabo.
Ukanti abanye babanga ngelithi kukho imimoya ethi mabayeke ukutya batye igazi nto leyo abasebenzi bathi ibasebenzisa phantsi koloyiko nohlaselo lukaSathana. Inqununu yesikolo uMzontsundu Gulwa uxelele oonondaba ukuba imeko yamadimoni idale uphazamiseko kakhulu esikolweni nanjengoko abantwana bebekhala iiyure ezimbini nangaphezulu.
“Ndiyangqina isikolo sisengxakini, siqaphele indlela yokuziphatha egwenxa netenxileyo kweyesiqhelo kwaye nomthandazo ebesinawo uphazamisekile. Ebesithi umfundisi xa ethandaza bakhwaze abafundi besithi uyaxoka, kodwa akhange sityhafe saqhuba kunjalo kungalawuleki kwiholo yesikolo. “Sizobiza ibhunga elilawula isikolo (SGB) sichaze le ngxaki ibelilo elizokhomba indlela eya phambili ngala madimoni,” utsho uGulwa.
Kusenjalo inqununu iyaphika ukuba amadimon aqale ukuhlasela abafundi ngempela veki, ekwathi lo mthandazo ububanjwe njengesiqhelo lo gama abasebenzi besithi ezi ngxelo zenqununu zibubuvuvu zilahlekisa abantu ayifuni kwamkela ingxaki kuba isikolo kudala sisengxakini engathethekiyo ngala madimoni.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro