Babhuqwa yindlala abongikazi eMpuma Koloni

Amanesi ePhondo leMpuma Koloni ngethuba eqhankqalaza phambi kwamgumbi esebe lezempilo eBhishoumfanekiso: Abongile Ginya

Indlala ebangelwa kukungaqeshwa kwabongikazi ibangele ukuba baphume ezindlini besiya kugqithisa umqulu wezikhalazo kwisebe lezeMpilo eBhisho, bekhalazela ukungaqeshwa.

Eli qela labongikazi lithi lifunde kumaziko oqeqesho ohlukileyo kodwa ngoku lidinga imisebenzi emva kokuphuma apho.

Othethe egameni leli qela uBabalwa Kobese uthi isebe lezeMpilo kweli phondo alibaniki misebenzi emva kokuba bechithe iminyaka kumaziko emfundo ahlukileyo.

“Ibuhlungu kakhulu into yokuba sifunde nzima kangaka sishiya abantwana nabayeni bethu sakugqiba singafumani msebenzi, siyasokola noxa sifundile,” uthethe watsho uKobese.

Uthi baqhube olu qhankqalazo kuba benyanzelisa isebe leMpilo ukuba libanike imisebenzi. Ngokwengxelo eli qela labongikazi liqale ukwenza iinzame zokuqeshwa ukusukela ngonyaka ka-2011 bengafumani ncedo kurhulumente weli phondo…