Babolekisana ngethobhi ootitshala nabafundi!

Lo ngumngxuma apho abafundi babeka ithobi phezu kwawo ukuze bazithume

Kwisikolo saseMndundu Junior Secondary kuGatyana, xa utitshala okanye umfundi efuna ukuzithuma kwindlu yangasese, uqala ayokuboleka ithobhi.

Ngenxa yale meko, abanye babafundi besi sikolo, esikwakwilali yaseMndundu, bazithuma ethafeni, nokuba injani imeko yemozulu kuba bazibona bengakhuselekanga kule ndlu yangasese yesikolo sabo.

Ezi zindlu zangasese kwesi sikolo, zakhiwa kwiminyaka yoo1970, kwaye ngoku azisenawo amaphahla kwanamathobhi awoneleyo.

Into ekhoyo ngumngxunya wokuzithuma, nto leyo ebangela ukuba babolekisane ootitshala nabafundi abangamantombazana.

Ngethuba sityelele kwesi sikolo, abafundi nootitshala bebeyimiqodi, kuquka noonomngqushwana abaneminyaka emihlanu kuphela abenza uGradeR, bebolekisana ngethobhi kuba befuna ukuzithuma.

Utitshala uNokuthula Ngwenya, uthi imbi imeko yezi zindlu zangasese, esithi ithobela phantsi isidima sabo.

“Ngenye imini singaze sonyule umntwana kuthwe nanku utshonile. Uzuqonde aba bancinci, sabayalela ukuba bangazisebenzisi izindlu zangasese. Siphinde soyike ke kuba nakwihlathi elo bazinceda kulo bangadlwengulwa kuba akukhuselekanga,” utshilo.

Kwesi sikolo basebenzisa kuphela ithobhi elinye ababolekisana ngalo.

Ootitshalakazi bathi nangona nje kwiziphumo ebeziphumile kuzwelonke zokuba eli phondo leMpuma Koloni lelona linezikolo ezingenazindlu zangasese, kodwa bona ithemba lokuba bangazakhelwa abanalo kuba basoloko belibaleka.

Bakwadiza ukuba naxa benezemidlalo esikolweni, bememe ezinye izikolo babanentloni xa becela izindlu zangasese elalini.

Badiza ukuba abahloli xa bethe baya kwesi sikolo bajonga iincwadi kuphela, abawajongi nokuwajonga amagumbi.

Kwesi sikolo iMndundu kwawa amagumbi amathathu ngenxa yomoya, kungoko abafundi bamagumbi amabini bedityaniswa kwigumbi elinye ngenxa yokunqongophala kwawo.

Ekudilikeni kwala magumbi, akuzange kuye nalinye igosa lezemfundo ukuyokukroba.

Ukanti umfundi ogama linguAnathi Mafika wophuke ingalo yasekhohlo ebethwa ngamaplanga esikolo edlala nabanye.

Ootitshala bakhupha kubo imali basa umntwana kwagqirha.

Isithethi sesebe lezemfundo ephondweni, uMali Mtima, uthi bavile ngemeko yesi sikolo kwaye bayathembisa ukusithathela ingqwalasela nanjengoko behleli bekwiphulo lokulungisa izikolo

ezikwimeko embi kweli phondo.