Abazali abanabantwana abafunda esikolweni samabanga aphantsi iKwaFaku eLower Crossroads eKapa bafuna isebe lezeMfundo lizamele abantwana intuthuzelo ngokwasemphefumlweni emva kokubona umzimba wendoda ebhubhileyo kwichibi legazi ngethuba besiya esikolweni.
UMakaziwe Msukwana uxelele I’solezwe ukuba ebekhapha umntwana wakhe emsa esikolweni ngethuba bebona umzimba wendoda ibhubhile.
“Imbi le nto kuba abanye abantwana bebekhala befuna ukungabisaya nakweso sikolo kuba kaloku le ndoda ibhubhele ecaleni kwesikolo sabo,” utshilo uMsukwana. Uqhube wathi ukubona umntu obhubhileyo kuba yingxaki nasebantwini abadala yilo nto bebona kuyinto elungileyo ukuba isebe lizamele abafundi intuthuzelo.
“Ngethuba nabanye abantwana befika bagqithe kule ndoda idunduluzile kwaye ayikho enye indlela ebesinokuhamba kuyo ngaphandle kwale kubhubhele kuyo le ndoda, kwaye ikufutshane kanye nesikolo esi,” utshilo uMsukwana.
Omnye wabahlali bale ndawo uthe le ndoda abayazi kwaye bebeqala ukuyibona.
“Lo mfana ayingowalapha eLower ubulawelwe nje apha washiywa kuba akukho mntu umaziyo,” utshilo umhlali.
Uqhube wathi ibizizithuba zentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngethuba besiva imoto isehlisa lo mfana, nalapho kuthe nje emva kwemizuzu bamdubula bamshiya kulo ndawo.
“Abantu bayayazi ukuba iLower Crossroads idume ngezinto ezimbi, ngoku basuka kweza ndawo bahlala kuzo bazobulalela abantu kule ndawo, kona lo ayingowalapha nto nje uze wazobulawelwa apha ngabantu ebesuka nabo kuloo ndawo ebehlala kuyo,” utshilo umhlali.
Ngethuba I’solezwe lifika kwindawo yesehlo abahlali bebothukile kwaye besithi basizela usapho lukamfi oluzomkhangela lungamfumani kanti wabhubhela eLower ze wathathwa njengomntu ongaziwayo.
“Kubuhlungu ke xa umzimba ude wathathwa kungekho sihlobo sivelayo kuba ithi lo nto angaphela engcwatywa ngumasipala, bendawucebisa ukuba usapho olunelungu olungekhoyo khe lundwendwele iSalt River ukuyokufanisa la mzimba,” utshilo umhlali.
UZikhona Mayekiso uthe ngootitshala abacele ukuba umzimba wogqunywe emva kwexesha elide uhleli nje.
“Ootitshala bebecingela abantwana aba bathe xa besiya esikolweni bagqitha kulo mzimba, kanti naxa sele bengaphakathi kumasango esikolo bazoqhubeka bawubone kuba ubungogqunywangwa,” utshilo uMayekiso. Watsho esithi le ndoda ibidutyulwe entloko.
“Nam ndiyavumelana nabazali abathi aba bantwana mabafunelwe intuthuzelo kuba babone kakubi,” utshilo.
Isithethi samaPolisa aseKapa uSergeant Noloyiso Rwexana uthe ityala lokubulala livuliwe kulandela ukufunyanwa komzimba wendoda idutyulwe.
“Unobangela wokudutyulwa entloko kubulawe ixhoba awukaziwa kodwa amapolisa ayaphanda, kwaye akukabanjwa mntu malunga nesi sehlo,” utshilo uRwexana.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!