Baboqoza iminqwazi bedomboza abezopolitiko

ATM

UVeliswa Mvenya onguSihlalo weAfrican Transformation Movement (ATM), uthi: “Sifuna abantu baseMpuma Koloni mabavotele iAfrican Transformation Movement (ATM) kolu lonyulo lweveki ezayo ngoba iATM ifuna ukutshintsha imeko yaseMpuma Koloni.”

“Sifuna abantu baseMpuma Koloni, abamkileyo besiya kwamanye amaphondo ngenxa yokungabikho kwamathuba, babuyele ephondweni ukuze sakhe iMpuma Koloni. Sifuna amathandazwe! Sifuna ukuba ngurhulumente oza kuqhuba iphulo lobuthandazwe.

“Ngoku siya kunyulo sifuna abantu bavotele iATM kodwa emva konyulo, xa sikurhulumente, asizukujonga ukuba umntu uphantsi kowuphi umbutho. Ixesha lokuba iMpuma Koloni ithi gqolo ukuya emgqomeni liphelile, kuba ifikile iATM,” kutsho uMvenya.

Azapo

UNobhala weAzapo eMpuma Koloni uChris Swepu uthi: “Lo mbutho wethu iAzanian People’s Organisation (Azapo) ngowona kuphela kombutho onenyaniso kweli lizwe. Ukuba uyakhumbula ngexesha kwakunzima abantu benemincili bengxamele ukuvota ngo1994, iAzapo ayizange ivume ukuba yinxalenye neengxoxo malunga nenkululeko kuba sasingaboni nkululeko thina. Singumbutho othetha inyaniso naxa kungalindelekanga.”

“Sithi kuphela abakubuyisa isidima somntu omnyama kweli lizwe. Izindlu ezakhelwa abantu beli lizwe azenzi sidima kubantu beli lizwe. Imisebenzi edalwayo ayinasidima kuba izizingxungxo. Ikwasithi abakhokela iphulo lokuba kukhululwe iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo,” utshilo uSwepu.

ANC

UNobhala weANC eMpuma Koloni uLulama Ngcukayitobi uthi: “Siqhubele phambili kakhulu kumcimbi wezemfundo, asifuni kubasabuyela emva kwela futhe. Into efunekayo kukubheka phambili, siqinisekise ukuba sizinzisa imfundo yeli phondo kwaye ibeneziqhamo kubafundi noluntu. Into esifuna ukuyiqinisekisa kukuba abantu beli phondo banezakhono kwaye bafundile ukuze bathabathe inxaxheba kuqoqosho lwephondo nelizwe.”

“Enye into kukugxila ekudalweni kwamathuba engqesho kwanokufunqulwa koqoqosho. Okwesithathu, kukuqinisekisa ukuba senza iintshukumo zokuba abantu bakwazi ukuba nokutya, ngendlela ezinzileyo. Lo mbandela wokubuyiselwa komhlaba yenye yezinto esiza kuyinika ingqwalasela, ukuze abantu bakuthi babenamathuba okuzenzela amatiletile okuziphilisa,” utshilo uNgcukayitobi.

“Nangakaloku nje sisathetha ngesicwangciso esinaso sokutshintsha iimeko zoluntu lwakuthi sikwenza oko sibambisene noluntu. Asinamathandabuzo, siyayazi into yokuba abantu bakuthi baza kuphinda bayivotele iANC ngenxa yemisebenzi eyenzele abantu beli lizwe,” utsho uNgcukayitobi.

PAC

Usihlalo wePAC eMpuma Koloni, uSandla Goqwana, uthi abantu bafanele ukuvotela iPAC kuba akukho ntshukumo yezoqoqosho enakuze ibonakale xa uninzi lwabantu baseAfrika, abantu abamnyama, besaxuthwe umhlaba.

“Akukho nto sinakuze siyenze singenalo ulawulo lomhlaba. Umhlaba mawusenzele imali, kodwa ukuze kwenzeke oko kufuneka isicwangciso esicacileyo. Isicwangciso esiphambili yimfundo eluntwini ukuze abantu babenezakhono. Xa uza kuphatha umhlaba, kufuneka ubenezakhono ingakumbi ezo zeenjineli.

“Yonke into esinakuthi siyenze njengorhulumente woMzantsi Afrika isekezelwe kulawulo lwethu kuqoqosho lweli lizwe. Iintsika zemveliso kwezoqoqosho zintathu: ngumhlaba, ngabasebenzi kwanenkunzi (imali yokuqala nokuqhuba ushishino),” kutsho uGoqwana.

DA

InkokHeli yeDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga uthi: “Sikholelwa ukuba xa umzi nomzi unomntu ophangelayo, amakhaya ethu angabuyela kwizidima. Lo mbutho wethu uza kubuyisela isidima soluntu ngokuthi unike umzi nomzi umsebenzi. Kwikhaya apho kungekho mntu usebenzayo, akukho xolo. Ngoko ke xa emzini kukho umntu ophangelayo, kubakho isidima futhi neengxaki ziyakwazeka ukusombululeka.

“Ndithi kubantu baseMpuma Koloni masihambe siyokubhukuqa iANC, khon’ ukuze sibe nombane ngamaxesha onke. Phantsi kweDA asokuze zicime izibane, siza kudedisa ubumnyama kuvele ukukhanya, kuba iANC ize nobumnyama kwilizwe lakuthi. Ngomhla wesibhozo kuCanzibe siza kuvelisa ukukhanya kweDA,” kutsho uBhanga.

EFF

USihlalo weEFF eMpuma Koloni uYazini Tetyana uthi: “Mnye umyalezo esifuna ukuwugqithisa kubantu bakuthi. Umbutho wethu iEFF lelona qela linezicwangciso ezibhadlileyo zophuhliso nokudala amathuba emisebenzi, nekungezona zinto zingxamisekileyo ingakumbi kwiphondo lethu.”

“Iminyaka ingamashumi amabini anesihlanu savotela urhulumente wentando yesininzi, kodwa iimeko zabantu ingakumbi ezilalini azikaphucuki, yiyo lo nto iEFF isithi makubuyiswe imizimveliso eyavalwayo kukhwetywe nemitsha ukuze ziveliswe apha ubuninzi bezinto esizisebenzisayo nesizityayo, kuvele amathuba emisebenzi silwe nendlala,” kutsho uTetyana.

UDM

Isithethi seUDM eMpuma Koloni uMabandla Gogo uthi: “Sithi kubavoti baseMpuma Koloni, nali ithuba lokuthi bazikhuphe kwingcinezelo yeANC ngokuthi bavotele iUnited Democratic Movement abayaziyo ukuba iqamele ngeentsika eziquka urhulumente onyulu, ongenabusela, apho zonke izinto zikarhulumente kufanele zisiwe ebantwini.”

“IMpuma Koloni ayinamigodi, ngoko ke lo nto iyenza ibeliphondo elithwaxwa yindlala. Into esiyiphakamisayo siyiUDM sithi xa uthetha ngophuhliso lweelali kufuneka ugxile isikakhulu kuqoqosho lwezolimo, kuba eso sisixhobo sokulwa indlala. Makulinywe, abantu babheke emasimini, urhulumente abancedise. Abantu mabanikwe imbewu yasimahla, balinyelwe ze batyalelwe ngurhulumente,” kutsho uGogo.

Cope

InkoKHeli yeCope eMpuma Koloni uMfundisi Lievie Sharpley uthi: “EMpuma Koloni ukuze kulungiswe yonke into sithi makulungiswe indlela abasebenza ngayo oomasipala kuqala. Koomasipala makuqeshwe abantu abawaziyo umsebenzi, nto leyo ebangela ukuqhwalela koomasipala. Abantu mabaqeshwe ngokwezakhono, kungajongwa ukuba baphuma kweyiphi imisebenzi.”

“Umyalezo wam kubavoti ulula, mayisuswe esihlalweni iANC. Lo nto soze siyenze ngaphandle komntu ongumvoti. Asithi iANC mayisuswe ngenxa yokuba sifuna ukuphatha, koko sifuna abantu bakuthi baxhamle kwiinkonzo. Soze kubekho zinkonzo xa iANC iseselulawulweni, endaweni yoko sakuqhuba sinemiheshuzo yoqhankqalazo,” kutsho uSharpley.