Babulawa sisikhwele eSkiet!

Isikhwele ngoyena nobangela wokubhubha kwabantu abathandanayo abahlala kumatyotyombe aseSkiet eGcuwa.

Amaxesha amaninzi abasetyhini eSkiet bahlaba babulale amaqabane abo angamadoda, ngento nje encinci efana nokuvinjwa icuba. Ngamanye amaxesha amadoda ale ndawo abulala amaqabane awo asetyhini ngenxa yokuba ewatyhola ngokuthandana namanye amadoda.

Ukuba akubhubhanga mntu ngenxa yesikhwele, amadoda ale ndawo aye adlwengule, maxa wambi edlwengula izidala zawo.

Kwisehlo sakutshanje, esenzeke ekuqaleni kwale nyanga, seso sokudlwengulwa kwentwazana eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu liqabane layo elineminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi le ntwazana idlwengulwe kuba ityholwa ukuba ithandana nenye indoda.

I’solezwe lityelele indawo yaseSkiet kule veki. Xa ungena nje kula matyotyombe ugangwa ngumculo okhalela phezulu koonomathotholo. Ulutsha luzizicuku ezigcwalise amatyotyombe. Bambi bayatshaya, bambi bayazihambela nje endleleni.

Iimpawu zokusetyenziswa kweziyobisi kule ndawo zibonakala nje usangena.

Isehlo esi sakhunjulwa ngabahlali bale ndawo seso senyanga yoKwindla kulo nyaka sokubulawa kwendoda eneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ibulawa liqabane layo lasetyhini elineminyaka engamashumi amane anesithoba (49).

UManatha uthi ingxabano phakathi kwesi sibini yaqala mhla indoda yayifuna ukuphakelwa ukutya, kwabe kungaphekwanga njengoko babefika ebusuku bobabini emva kwentsimbi yeshumi.

“Emva kwengxabano, umfazi wakhupha imela wahlaba le ndoda kumzimba ongasentla yabhubha ngoko nangoko,” kutsho uManatha.

Esinye isehlo sesenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo, apho intwazana eneminyaka engamashumi amabini anesine yahlaba iqabane layo ngenxa yokuba ivinjwe icuba.

Ulutsha lwaseSkiet olungamantombazana, luthi ngenxa yezi ziganeko luyoyika ukuthandana namadoda ale ndawo. Ithetha nephephandaba I’solezwe, intwazana eneminyaka engamashumi amabini anesithathu ithe; “Ndoyika nokuvuma indoda apha, soze. Apha indoda iyakwazi ukukubetha, kuba isuke yakubona uthethiswa yenye.”

Intwazana eneminyaka elishumi elinesithoba yona ithe: “Ayisiphathi kamnandi into eyenzeka apha. Siyaphela silulutsha kuba kumaxesha amaninzi kukhe kuchaphazeleke nathi thina singaseliyo. Eyona nto ingamandla ziziyobisi, yiyo engunobangela wayo yonke le nto.”

Zininzi iinzame ezenziwe ngabasemagunyeni ukulwa ubundlobongela eSkiet. Kwinyanga ephelileyo bekubanjwe indibano yokukhuthaza uluntu lwaseSkiet ukuba luziguzule kubundlobongela.

Ukanti nomsunguli wombutho ongenanto yakwenza norhulumente, okhathalela uluntu oluphila nentsholongwane noluxhatshaziweyo, iWe Care HIV &Aids eGcuwa, uNokwanda Ntloko uyangqina ukuba amaphulo enziwa mihla le kula ndawo okulwa nokusetyenziswa kweziyobisi.

“Ndiyayazi le ndawo ndisebenzile kuyo kuba sisasebenza nangoku. Imeko nje yokuphila kwabantu baphaya asiyompilo enokuphilwa ngumntu onenjongo ngobom.

Okukuqala ukungabikho kwemisebenzi, ukugquba kwendlala kuko okubangela ukuba abantu baphaya bahlale bezonwabisa ngesondo. Ayikho enye into abayicingayo kuba bahlala beqhunyiwe kwaye besemdleni ngenxa yeziyobisi kwaye bengenanto yokwenza.

Abanye babo baphila nentsholongwane kagawulayo nabathi basilele ukuqhubekeka nokutya iipilisi ngenxa yendlala okanye kuba besebenzisa iziyobisi.” utshilo uNtloko.

Kodwa uthi, kunjalo ofunayo ukutshintsha uyatshintsha kuba uqaphela kwiinkqubo abanazo eSkiet abaninzi bayasabela.

Uthi kule minyaka mihlanu sele bedale amathuba engqesho kulutsha lwala ndawo besebenzisana ne arhente i-Independent Development Trust.

Olu lutsha luphangela esibhedlele kwana kwiiKlinikhi zala ndawo.