Babuyele esikolweni abafundi emva kokugula

Abafundi abamalunga nekhulu kwisikolo iSt Matthews kuQoboqobo bangeniswe kwisibhedlele iSS Gida emva kokulunywa zizisu

Kulindeleke ukuba babuyele ngokupheleleyo namhlanje (Lwesithathu) abafundi besikolo iSt Matthews kuQoboqobo kulandela ukukhutshwa esikolweni kwiveki ephelileyo emva kokuba uninzi lwabafundi lungeniswe esibhedlele belunywa sisisu.

Iingxelo zithi ngoLwesibini weveki ephelileyo, abafundi abalikhulu elineshumi (110) bangeniswe kwisibhedlele iSS Gida kuQoboqobo emva kokukhala ngesisu kulandela ukusela isiselo (jusi) esenziwe ngamanzi asuka kumasipala wesithili iAmathole.

Utitshala wesi sikolo uthi la manzi afakwe kumatanki esi sikolo, ehostele nasesikolweni, kulandela ukushokoxeka kwamanzi okusela nokupheka ematankini.

Ngokomyalelo wesikolo, emva kokukhutshwa kwabafundi esikolweni ngoLwesithathu, bekufanele ukuba isikolo sibuyela esiqhelweni ngoMvulo kule veki.

“Ayenzekanga lo nto, kuba sifuna ukuqiniseka ukuba yonke into ime ngendlela. Abafundi ababuyele esikolweni ngoMvulo ngabo bakaGrade 12, abanye bafundela emaholweni. Xa izinto zihamba kakuhle, sicinga ukuba bakubuyela esikolweni bonke ngoLwesithathu (namhlanje),” sitshilo iSithethi seSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uMali Mtima.

Umfundi oyintombazana oneshumi elinesihlanu leminyaka, owenza uGrade 8, uthi uqalwe ngamahlaba esiswini emva koko wasiva simkreqa. “Emva koko ndiye ndahlanza ndabe ndihambisa, isisu sixuxuzela,” utshilo lo mfundi.

Abafundi abebengeniswe esibhedlele baye bakhululwa, ze kwavavanywa ilindle labo, utshilo uMtima.

“Siza kulindela kwiSebe lezeMpilo ngeziphumo zoyena nobangela wokugula kwabantwana. Abafundi abasesikolweni bathengelwa amanzi asezibhotileni,” utshilo uMtima.