Babuyile kwakhona ooNokhangela

UMphathiswa wesebe lophuhliso lamaphandle kwakunye nezolimo eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane ethetha namafama aseSada kufuphi naseKomani. UMFANEKISO: MVUSIWEKHAYA SICWETSHA

UMPHATHISWA wesebe lophuhliso lamaphandle kwakunye nezolimo eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane uthi ukuqulunqwa kwesicwangciso esitsha sokuphuhliswa koqoqosho lezolimo kuza kutshintsha ubomi babafuyi nabalimi beli phondo.


UQoboshiyane ebethetha eMonti apho amagosa esebe lakhe angamakhulu amathandathu anamashumi amahlanu anesixhenxe (657) athe axelelwa ngemigaqo emitsha yeli sebe ejolise ekuphuhliseni amafama asakhasayo kweli phondo.


La magosa azakubenza ngala ndlela yeminyaka yoo1990 apho kwakukho amagosa karhulumente awayebizwa njengooNokhangela. “NgooNokhangela kwezinye indawo, ngabalimi kwezinye, ngooNobhula kwezinye indawo. Ezona njongo zabo izakuba kukucebisa abantu bakuthi ngeendlela zokulima nokufuya,” utshilo uQoboshiyane.


Ngokwesicwangciso seli sebe, aba balimi kulindeleke ukuba bafumaneke kuzo zonke iiWadi zoomasipala beli phondo.


“Esi sicwangciso sezolimo sitsha siza kuza neenguqu kwicandelo lezolimo, ukudalwa kwemisebenzi yesigxina, kwanokuncedwa kwamafama ukuze afikelele kwiimarike,” utshilo uQoboshiyane.