Bacel’ iABSA ibuyise izabelo zeMEEG Bank

Ikhaba lolutsha leANC (ANC Youth Leage) eMpuma Koloni lifuna ibhanki yakwaABSA ibuyisele kurhulumente wephondo zonke izabelo ezixhamle ngethuba iginya iMEEG Bank yaseMpuma Koloni.

 

IMEEG Bank ibifudula iyibhanki yabantu abamnyama ezinze kwiphondo laseMpuma Koloni. Le bhanki yasungulwa phaya ngeminyaka yoo1970 kodwa kunyanzeleke ivale iingcango kwiminyaka esixhenxe edlulileyo emva kokuginywa yibhanki yakwaABSA.

 

IQonga looManejala abaMnyama (Black Management Forum) kwanombutho woosomashishini iNafcoc bakulwa ukuginywa kwale bhanki kodwa laphanza ilinge labo.

 

Urhulumente waseMpuma Koloni wayenezabelo kwiMEEG Bank, nekwanyenzeleka ukuba azithengisele iABSA ngethuba lokuphela kweMEEG Bank.

 

Emva kweendaba zengxelo yoMkhuseli woLuntu egqobhozele koonondaba kutshanje, nedize ukuba iABSA ixhamle ngokungafanelekanga imali engange-2.25 yeebhiliyoni zeerandi kwinxili yombuso woontamo lukhuni, iANC YL ithi le bhanki mayibuyisele izabelo zeMEEG Bank kurhulumente wephondo.

 

“Sifuna iABSA ibuyisele izabelo zeMEEG Bank kurhulumente waseMpuma Koloni nakubanini bazo abamnyama kuba yazithenga ngendlela enesinyanzelo. Xa sele ibuyiselwe le mali, umbuso kufuneka uyisebenzise ngokuxhamlisa abantwana beli ngemfundo,” itshilo ingxelo ephuma kwikomiti yeqela leqoqo leANC YL ephondweni.