Bacela iinkonzo ezingeziyo kubo eXaxashimba!

UZandisile Tshaka ebonisa itephu engasaphumi amanzi kwilali eXixishimba eGcuwa-Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Abongile Ginya/ Jonnie Isaacs

Bakhala ngelithi baphoswa kwelokulibala abahlali baseXixishimba eseGcuwa phantsi koMasipala uMnquma.

Aba bahlali bakhala ngelithi indlela engena kule lali zange yenziwe ngokugqibeleleyo, nto leyo ikhokelele ukuba yonakale ngokukhawuleza emva kweemvula ezathi zalandela.

Bakwakhala ngelithi kudala becela ukulungiselelwa idiphu yemfuyo yabo nephelayo zizifo ezingathinteleka ngokuditshwa kwemfuyo.

I’solezwe LesiXhosa lincokole noZandisile Tshaka ongummi kule lali uthi idiphu yayakhiwe ngurhulumente wephandle elalisakuba yiTranskei.

“Zininzi izinto ezisibethayo ngenxa yokungadiphi. Sifelwe yinkomo kwezi veki ziphelileyo kuba iimpethu ziyenza ibe ndlongondlongo kube nzima nokuyibamba. Igugile le sinayo kuba mininzi le minyaka ikhona,” utshilo uTshaka.

Ukwakhale ngendlela yezithuthi engena kule lali esithi oko yayigqityelwe, seyonakala kwaye akukho ncedo balifumanayo kwiinzame zokuba ilungiswe.

Omnye wabahlali uMalande Mahlasela uthethe wathi: “Into esesiyinqwenela ngoku kukuba imane ikrwelwa, njengoko kusenziwa nakwezinye iilali, kodwa ngenxa yokuba sithathwa njengeephuqe, akukho mntu uzikhathaleleyo izikhalazo zethu.”

Abahlali bakhala ngelithi ayikho ibhasi kawonkewonke kule lali nto leyo eyenza ukuba xa befuna ukuya edolophini bahambe ngentseni umgama omde ukuya kubamba ibhasi, kungenjalo bacukana kwiiveni ezibabiza imali eninzi kunexabiso lebhasi.

UZandisile Tshaka ebonisa itepu engasaphumi manzi eXixishimba eGcuwa Umfanekiso: BHEKI RADEBE
UZandisile Tshaka kunye noMalande Mahlasela abangabahlali kwilali eXixishimba eGcuwa bakhala ngelithi baphoswa kwelokulibala abahlali baseXixishimba eseGcuwa phantsi koMasipala uMnquma. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UTshaka uthi bazenzile iinzame zokuthethathethana kwakunye nenkampani yeebhasi ezithutha uluntu lweMpuma Koloni iAB 350 kodwa nalapho akukho nto ihambela phambili. Le lali ikwanomngeni wamanzi. Nangona inabo oompompi bamanzi abahlali baseXixishimba bathi amanzi aphuma ixeshana aphinde angabikho ixesha elide.

Abahlali kuninzi abakukhalelayo, bathi abasemagunyeni banqabile ukusabela kwizikhalo zabo baye bavele kuphela xa kuza kuvotwa babathembise emva koko zingaze zenzeke.

UMasipala waseAmathole nojongene namanzi koomasipala abaphantsi kwesi sithili uthi ujongene neengxaki kwiziko iToleni Water Scheme elihambisa amanzi kwiilali eziquka iXixishimba. Othethela lo masipala uNonceba Madikizela uthi ngenxa yezi ngxaki iilali ezixhomekeke kweli ziko aziwafumani rhoqo amanzi.

Ukanti kweminye imiba, othethela uMasipala waseMnquma uLoyiso Mpalantshane uthi lo masipala uza kuthumela iinjineli zizokuhlola isimo sale ndlela ukuze emva koko kulandele iinzame zokuyilungisa.

Nangona esithi lo masipala uyazakha iidiphu ngokubambisana neSebe loPhuhliso lwaMaphandle, ucebise ngelithi abahlali baseXixishimba mabatyelele isebe lophuhliso lamaphandle, kodwa babuyele kumasipala xa bengafumani mpendulo icacileyo.