Bacoce idolophu yaseQonce abafundi baseLovedale

Bacoce idolophu yaseQonce abafundi bekholeji iLovedale emva kokuba kuthe kwalahlwa inkunkuma ngabasebenzi bakamasipala abakuqhankqalazo.

Abafundi abaphantsi kombutho iDemocratic Alliance Student Organisation (DASO), bebethe bhazalala ngemibala yabo eluhlaza becoca le dolophu.

UDharmesh Dhaya ongumgqatswa wobuceba kaWadi 37 kumbutho weDA uthe: “Sigqibe ekubeni sizokucoca idolophu emveni kobumdaka obuthe bashiywa ngabasebenzi bakamasipala njengoko lo mbutho injongo zawo ikukwakha hayi ukuchitha. Akuyompilo kwaye ingengombono mhle ukuhlala phakathi kwedolophu emdaka,” kutsho uDhaya.

Ukanti nabo abafundi bavakalise ukuba abayithandi into eyenzekayo, besithi abasemagunyeni mabazame ukuhlangabezana nezikhalazo zabasebenzi ukuqanda iziganeko ezilolu hlobo. USandiso Mlonyeni weDASO ophuma kwikhampasi yaseZwelitsha uthe: “Ingaba eli lizwe liyaphi, thina silulutsha sifuna ukuyitshintsha yonke lo nto leyo. Sizakuqhubeka sisenza okulungileyo kwiindawo zethu zokuhlala asizanga ngeenjongo zokuzithengisa umbutho, silandela iphulo lethu elithi makubekho utshintsho.”

UMasipala waseBuffalo City izolo uthe lusaqhuba olu qhankqalazo. Abasebenzi balo masipala baqhankqalazela, phakathi kwezinye izinto, ukuba bonke abasebenzi bafakwe phantsi koluhlu lwemirholo elungele abasebenzi abakumasipala ombaxa.

Bakwafuna ipheliswe inkqubo yokwenziwa komsebenzi kamasipala ziinkampani zabucala.