Badibene neembila zithutha eNyanga Junction

Omnye wabarhanelwa esisiwa kwimoto yamapolisa Umfanekiso: Phando Jikelo

Kapa: Bangqubene neembila zithutha oonqevu emva kokuvaleleka ngaphakathi kwaShoprite kudederhu lweevenkile eNyanga Junction, nalapho kutyholwa ngokuba bebeyokuphanga khona ngentsasa yanamhlanje. 

Ingxelo zidiza ukuba abahlali bave izithonga zemipu ngezithuba zentsimbi yesixhenxe kusasa nalapho konzakele ipolisa emva kokudutyulwa emlenzeni ngoonqevu.

Kurhaneleka ukuba abanqevu bebeyokuphanga imoto esa imali kule venkile kodwa bagagana neembila zithutha bafika bethe qwa oonogada ebebehamba nemali leyo. Kuye kwavalwa isakhiwo bengaphakathi oonqevu kwafika namapolisa.

Esi siganeko siza kanye emva kwesiganeko esikumila kunje nalapho abarhanelwa baqhwesha nesixa-mali esingadizwanga kwingingqi yaseDelft. Kwesi siganeko saseDelft oonqevu baphanga imoto eyayiyokufaka imali koomatshini bokukhupha imali kwivenkile yakwaSpar. Esi siganeko sibangele ukuba usekela-mphathiswa wamapolisa kuzwelonke, uBongani Mkhongi, athi abazokulala bazakukhangela naphantsi kwezicithi bengamapolisa.

Usomlomo wamapolisa eNtshona Koloni uAndre Traut uthi banethemba lokuba isithuthi ebesihamba abanqevu nesifunyenwe kufutshane nendawo yesiganeko siyakukhokelela ekubanjweni kwabo.

Okwangoku akukabikho zingxelo okanye ziqinisekiso zokoyamana kwezi ziganeko kwaye ikhona indoda enye ebanjiweyo kwesophango olwenzeke eNyanga namhlanje.