Badikiwe eDikeni abahlali

Badiniwe kukuxokiswa nokuthenjiswa izithembiso ezingazalisekiyo abahlali bakwa-Wadi 18 eSheshegu, eBhalurha eDikeni, kuba bedinga amanzi nezindlu zangasese.

Ingxelo yabahlali ithi iphulo lokwakhiwa kwezindlu zangasese lineminyaka engaphezu kweshumi limile.

Othethele abahlali uNomgqibelo Mhlanga, uthi abasayazi ukuba bangancedwa ngubani kwezi ngxaki zentlalo yabo.

“Kwafika inkampani yokwakha izindlu zangasese apha kwiminyaka elishumi eligqithileyo, zininzi eziye zalandela emva koko zithembisa ukusakhela izindlu zangasese, zonke azenzanga nto, izinto zokwakha sazithatha sazikhusela,” uthethe watsho uMhlanga.

Abahlali bathi indawo ezigcinwe kuyo ezi zixhobo zokwakha ijike yaba yindawo yokuzimela iinyoka ezinobungozi kuba azide zisebenze.

“Andikwazi nokuzibala iinkampani zokwakha ezifike apha zithembisa ukuba zizakwakha izindlu zangasese, siyazidinga ezi zindlu kuba sinabantu abadala abangakwazi kuhamba imigama ukuya ngasese,” uthethe watsho uMhlanga.

Ingxaki yamanzi iphambili kwingxaki ezibangela ukungazinzi kwintlalo yaba bahlali. UBulelani Sintwa uthi bohlukene phakathi bengabahlali ngenxa yokungakhathalelwa ngurhulumente kunye nomasipala waseRaymond Mhlaba.

“Amanzi yingxaki enkulu apha ekuhlaleni, zazikhona iitepu ngoko, nazo zazikhupha amanzi amuncu ngelo xesha ayesaphuma, agqibele ukuphuma kwiminyaka emithathu egqithileyo, siphila kabuhlungu kule ndawo,” uthethe watsho uSintwa.

Ingxelo kaSintwa ithi inkqubo yokufakwa kwamanzi ngokutsha yayikhokelwe yiWest Victoria Water Project ebonakala ixakiwe kukugqiba lo msebenzi.

“Kule minyaka yonke kusenziwa la manzi, asikawaboni nanamhlanje amanzi apha, ngoku silwa sodwa ngenxa yamanzi angekhoyo apha,” utsho uSintwa.

Aba bahlali bathi sele bevela eBhisho ukuya kuchaza ingxaki yabo yamanzi, kodwa abazange bancedakale.

Ukanti uceba wala ndawo uThobeka Mjo, uthi ziyinyani iingxelo zokuba kukho ingxaki yamanzi kwiilali zaseSheshegu eDikeni.

“Kwiveki ephelileyo bendiphaya, ndiye kucacisela abahlali ngenkqubo zikarhulumente wasekuhlaleni, umasipala ke ukutsho, amanzi yingxaki yase-Amathole asikwazi kuyiphendula,” uthethe oko uceba.

Akakhange akwazi ukusinika impendulo ngezona zizathu zibangela ukulibaziseka kokwakhiwa kwezindlu zangasese.

“Ndicela abantu baqhele ukukhalaza apha kum kuqala phambi kokuba bagqithele kwezinye iindawo,” utsho uceba.

Le ngingqi ikwaxakene nengxaki yeziyobisi ezithengiswa kwasekuhlaleni.

“Abakhange bayithethe kum into yokuba kukho ingxaki yeziyobisi, andazani nayo ngoko ke le ngxaki yeziyobisi,” uthethe oko uMjo.