Badikwe bubuthuvi eJoe Slovo

Umlambo iChatty eJoe Slovo, eBhayi

EBHAYI: Libaleka ubuthuvi, umchamo nomqhusheko isebe lomlambo iChatty obetha phambi kwezindlu kwilokishi eyaziwa ngokuba yiJoe Slovo eBhayi.

Abahlali bale ndawo bathi obu buthuvi bubaleka kulo mlambo buphuma kwiidreyini eziphuphumayo eziphezu kwawo.

Bathi ivumba elitsarhayo eliphuma kulo mlambo bada baqhelana ngenxa yokuba umasipala wabo engazinanzanga izikhalazo zabo ngalo mlambo.

Bathi iintsana nabanye abantu abadala bahleli ngokuzikrwela ngenxa yerhashalala ephuma emzimbeni ngenxa yokulunywa ziingcongconi ezihlala kuwo.

“Umasipala akasikhathalelanga uhoye imilambo emikhulu ekwilokishi zabamhlophe, eyethu imilambo akayisele so, makuthethwe ngeSwartkops neBaakens ekufutshane nendawo zezinhanha uxhuma kuqala,” utshilo uNontsikelelo Hani (56) ongumhlali kule ndawo.

Onguceba kule ndawo uSimphiwe Tyukana uthe umasipala unenjongo zokwakha ezakuqabela phezu kwawo nokuwucoca. Uhambise wathi bazakubona kuhlahlo lwabiwo-mali lwalo nyaka ukuba ezo njongo ziyaphumelela.

Isithethi salo masipala, uMthubanzi Mniki, uthe xa abahlali benesikhalazo ngomba othile ekuhlaleni mabakhawuleze bachazele umasipala, esithi nabanina unelungelo lokwenza oko.