Bavale isango beqhankqalaza abasebenzi benkampani eyenza izitena iINCA eWilsonia eMonti ngelikhalazela imivuzo abathi ayiphucuki kule nkampani.
UMphumeleli Cethu uneminyaka elishumi elinesibhozo esamnkela imali engangee ranti ezilithoba ngeyure esondla ngayo abantwana abathandathu.
“Ndimdala ndingaka iminyaka yam ngamashumi amahlanu anesihlanu, kodwa ndamnkela esi simanga semali kulendawo, ndiyaguga ngoku akukho nguqu apha siyaxhatshazwa qha,” ebuhlungu utshilo uCethu.
Aba basebenzi baqhuba oluqhankqalazo ngamalungu ombutho wabasebenzi iAssociation of Mine Worker and Construction Union (AMCU). Oyinkokheli yolu qhankqalazo uMelisizwe Phelisile uthi abasebenzi bafuna uthethwano phakathi kwabo nabaqeshi ngemicimbi yemivuzo.
“Kunyaka ophelileyo sinyuselwe imali apha ngepesenti ezilithoba ekulwini, lonto iyonke ithetha ukuba yimali R1-27 kuphela esithe sanyuselwa ngayo. Sinabasebenzi abangaphezu kwekhulu esifuna baqeshwe ngokusemthethweni,” uthethe oko uPhilisiwe.
Abasebenzi bathi, abo basisigxina kule nkampani bamnkela imali ebalelwa kwishumi elinesihlanu leerandi ngeyure. “Asoze kusetyenzwe apha side sifumane impendulo kwisikhalo sethu semirholo kumphathi wale nkampani uAngus Smarts,” utsho uPhelisile.
Abaphathi benkampani abakhange bafumaneke ukunike impendulo kwizityholo zokuxhaphaza abasebenzi ngokubarholisa imali encinci. “Abasoze bavume ukuthetha nani kuba bayazazi ukuba abanazimpendulo, impendulo inye apha kukuba kukhutshwe imali yabasebenzi kuphela,”utshilo uPhilisiwe.
Egxininisa ubukhulu bengxaki yalamalungu ongumququzeleli weAMCU eMpuma Koloni uWartons Mbaduli uthe. “Xa bengasimameli abaqeshi sijonge ukucela iCCMA ukuba ingenelele ukusombulula lengxaki kubuyelwe emsebenzini singade sithathe ixesha elide kuneli,” utshilo uMbaduli.
Lo kaMbaduli uthi abajiki kwisicelo sabo sokuba kunyuswe imivuzo yabasebenzi kula nkampani. Inkampani yakwa-INCA yaqala ukuvelisa izitena zokwenza umgangatho ngeminyaka yo1973.
Le nkampani iqeshe abasebenzi abangaphezu kwamawaka amabini kuzwelonke kweli loMzantsi Afrika.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi