Badinga uncedo lwemveli kwaDalindyebo

Nangona amaphaphu ephezulu ebantwini ngenxa yesifo ekuthiwa yicorona (COVAD-19) – kodwa enye yezinto ezithe zadala ingxokolo kukubanjwa kukaKumkani uBuyelekhaya “Zwelibanzi” Dalindyebo ngentseni yoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Abanolwazi bathi uthe dyulukudu kowabo ephethe izembe nocelemba athe wonzakalisa ngawo unyana wakhe nomkakhe. Uye wabanjwa – kodwa waphinda wakhululwa yinkundla ngesilumkiso. Abakwicala lika Kumkan’uZwelibanzi bayamthethelela, kanti nabakwicala lika-Azenathi banelabo ibali. Kuthiwa bekuza kwenziwa umcimbi eBumbane engaxelelwanga uKumkan’uZwelibanzi.

Kuthiwa lonto imcaphukisile kakhulu uKumkani kwaye sesinye sezizathu ezibangele angene ngenkani. Kanti kwicala lika-Azenathi, babona uyise njengoyena oqhwaya udushe. Kule veki, isithethi sika Kumkan’uZwelibanzi sithe wazama ukucela igumbi kunyana wakhe ngethuba ephuma entolongweni kunyaka ophelileyo – kodwa lo nto zange yaselwa iliso. Okwenze izinto zambi ngakumbi sisithintelo senkundla esenziwe ngu-Azenathi. Uyise akavumelekanga ngoku ukungena kowabo emva kwento eyenzeke kwiveki ephelileyo. Okucace gca ngoku kukuba umzi wakwaDalindyebo uyafa kwaye udinga uncedo ngokukhawulezileyo. Iinkundla nendlela yaseNtshona yokusombulula izinto ngeke ibe luncedo kwintsindabadala ekwaDlomo. Akusekho nto ingakho enokwenziwa ngu Kumkan’uZwelibanzi esisisombululo – kodwa lo nto ayithi makunikezelwe. AbaThembu bafanele kukudibanisa iintloko bajonge indlela yemveli ekunokulungiswa ngayo umzi wakwaDlomo.

Kudala iiNkosi neeKumkani zazineendlela ezazisenza ngazo izinto. Amadoda amadala noomama abanolwazi mabeze neendlela ekunokulungiswa ngayo ingxaki ngoba le kuqhutywa ngayo ngoku iyingozi. Yonke le nto ifuna abantu bakwaMadiba bathobe umsindo, bakhangele isisombululo umoya wabo uphantsi. Okwenziwe nguZwelibanzi kuyaphoxa kona ngoba ukhululwe ngengqawule engenayo nemiqathango.

Yinto leyo eza kumosha yonke inkqubo yengqawule ibe ngathi ayisebenzi ebantwini. Urhulumente kufuneka acacise ukuba kutheni bemnike ingqawule engenayo imiqathango njengabanye.