Badlala ngokwenza imali

ULona Xakatha, uEzile Xakatha noAyakha Mshweshwe bethutha amanzi, bezenzela imali

Umgaqosiseko weli uthi elinye lamalungelo aphambili wabantwana kukudlala, kodwa uLona Xakatha (12), Ezile Xakatha (14) noAyakha Mshweshwe (12), badlala ngokwenza imali.

La makhwenkwe avuka imihla yonke esiya kuthutha amanzi kumlambo iCacadu kwilali yaseMkhonjana, esenza imali logama izikolo zivaliwe.

Iidonki zikayise luhlobo lokwenza imali kubo logama bekwanceda abahlali abadinga amanzi kule ndawo. UNowongile Xakatha ngomnye wabaxhamla kula manzi wala makhwenkwe ngenxa yokunqongophala kwawo.

“Basithengisela itanki elingamakhulu amahlanu eelitha ngekhulu leerandi (R100), bayasinceda kuba asinamanzi, kudala sisenza iinzame zokufumana amanzi,” kucacisa uXakatha.

Nangona engacocekanga la manzi, abantu baseMkhonjana banyanzelekile ukuba baphile ngawo kuba alikho elinye icebo.

UEzile Xakatha uthi bayawuthanda umsebenzi wabo, kuba bangenisa imali ethi incedise emakhayeni abo.

“Iyathathwa ngutata xa ininzi, kodwa nathi siyamnika ukuze asigcinele enye imali kuba asikayifuni ngoku,” utsho Ezile. Ukusukela ngenyanga yoKwindla kulo nyaka, abantwana besikolo kweli bahleli emakhayeni bedinga into yokwenza.

La manzi anikwa abahlali engakhange agonywe, kwaye kuwo kusela iidonki, iibhokhwe neenkomo.

“Sivuka ekuseni sele sinalo uluhlu lwabantu abafuna amanzi, sihambe ngokoluhlu olo, litshona ilanga siwenzile amakhulu amahlanu eerandi (R500) xa sisebenze kakuhle,” utsho Ezile

La makhwenkwe ashiya oontanga bawo bedlala imidlalo engenangeniso azinikezele kulo msebenzi wokuthengisa amanzi.

“Ndiyayithanda kakhulu le nto bayenzayo kuba basinda kwizinto ezininzi eziqhubeka apha elalini, nemali abakayiphapheli,” kutsho uXakatha.

UMasipala weSithili saseChris Hani ngomnye oneengxaki ezingasombululekiyo zamanzi, kwaye kudala abahlali bekhala ngokunqongophala kwamanzi.

UThobeka Mqamelo osiSithethi soMasipala waseChris Hani uthi zikho iinzame abazenzayo ukukhawulelana nale ngxaki.

“Ingxaki yamanzi siyayisebenza singumasipala, iindawo ezingenamanzi apha eChris Hani sizincedisa ngeelori ezithutha amanzi,” kutsho uMqamelo.

UMqamelo uthi zikho iindawo abasele bezenzele amacebo okufumana amanzi ngenxa yokuswela amanzi.

“Sigrumbe oompompi ababini nendawo yokugcina amanzi ngenjongo zokuqhubela phambili iinzame zokunika abahlali amanzi,” kutsho uMqamelo.

Kutshanje umasipala ubambe indibano Komkhulu eKomani ngeenjongo zokuphungula umthwalo wamatyala aquka awamanzi kubahlali.