Badlwengulana babulalane bodwa!

KuMgqibelo we-07 kule nyanga yoMsintsi, inyanga yokuchulumancela kwethu amafa ethu, ndivuswe yinkosikazi yamaNgwevu isithi tata nceda uvuke, andikwazi kunyamezela ubuhlungu balo mngcwabo ndedwa.

Ngoko nangoko ndivukile, ndaphosa amehlo kumabonakude, ndaphawula ukuba yinkonzo yomngcwabo wentombi kaMrhwetyana, uUyinene.

Inene lo mngcwabo ngomnye wemingcwabo ebuhlungu endakhe ndayibukela kumabonakude. Phofu ndithe xa ndikhumbula emva, ndaphawula ukuba umngcwabo kaUyinene ngumngcwabo wesibini ondenze ndalila ndantywizisa ukusukela kwisithethi sokuqala, ukuya kwesokugqibela, ngokufanayo nomngcwabo wekomanisi elabulawa ngokungenalusini ngabangcatshi benkqubelaphambili, ubawo uChris Thembisile Hani.

Nakulo mngcwabo kaUyinene, ubusithi xa ujonga phandle, ufike imozulu itshintsha ibe ntlobombini. Ngelinye ixesha bekuvela ilanga elisisizungu, kuphinde kusibekele.

Ngokohlalutyo ke imozulu elolu hlobo yalatha usizi, intlungu neshwangusha. Ezi meko zibuhlungu ke zidaleka kwiindawo esihlala kuzo kwaye zenziwa sithi buqu, kwaye sizenza kubantwana nakubantu bakowethu.

Esi sigebenga sexhwili sibulele ngobulwanyana abantwana babantu, kuquka nentombi kaMrhwetyana, ngunyana wethu mzi ontsundu.

Khawuzikise ukucinga ke kwaye unyaniseke malunga namanani okudlwengulwa kwabantwana, amantombazana, iintombi, oodadethu, oosisi bethu, oomakazi bethu, oodadobawo bethu, oomama bethu noomakhulu bethu, uya kufumanisa ukuba ubudlwengu nobugebenga, bendele kakhulu kwiindawo zethu esihlala kuzo ukogqitha iindawo ekuhlala kuzo ezinye izizwe.

Hayi ke kukho nobunye ubudlwengu obuya bunyuka ngokunyuka ngokwamanani, ukudlwengulwa kwamakhwenkwe, abafana, amadoda namaxhego, bedlwengulwa kwangamanye amadoda. Xa kunje ke zidwesha zakuthi, ingaba sisaphila ezingqondweni nasezintliziyweni?

Ingaba usizi lusekho ngaphakathi kuthi? Iingqondo zethu madoda zisebenza njani xa sikwazi kwaukudlwengula sixhaphaze nabantwana aba bazalwa sithi, iintombi esizalwa nazo kwanoomama bethu? Kwenzeke ntoni kubuntu bethu sesiphelelwe nalusizi olu lwembala?

Umhla nezolo, ngenxa yenu zidlwengu zamaxhwili, uninzi lwabazali alulali buhlayo kuba loyikisela iintsana zalo kuni zigebengandini.

Ngenxa yenu uninzi lwethu luphela lufulathela iindawo esinokuhlalisana kamnandi kuzo singabantu abantsundu, siphele sibhenela kwiindawo zabantu basemzini ezibiywe zaqiniswa ngezixhobo zokhuseleko.

Ngenxa yenu abantu baphela besimka kwiindawo abanokukwazi ukwenza amasiko balandele nezithethe kuba besoyikisela ubomi babo nobeentsana zabo.

Niyayiqonda phofu ukuba le nto niyenzayo iza kuchaphazela nenkqubelaphambili yesiko, iza kuchaphazela ikamva labantwana bethu nelesizwe sethu?

Xa umntu ebaleka kwiindawo ezingakhuselekanga esiya kwiindawo ezikhuselekileyo, ndawo ezo zikunqandayo ukwenziwa kwamasiko athile, inene kuphelile ngathi.

Nokuba siyathanda okanye asithandi, ungalilandeli kwaye ungalihloniphi isiko elalixatyiswe ngooyihlomkhulu noonyokokhulu, uza kubhanga utshabalale ube namashwa, kwaye uza kuphela usenza izenzo ezimanyumnyezi ezifana nodlwengulo olu.

Umntu onesiko, ingakumbi xa lenziwe ngokuchanekileyo, usithatha phi isibindi sokunukuneza nokudlwengula umntwana okanye omnye umntu? Okholwa kwizibhalo uthandaza njani akugqiba enze ubusathana bobuhedeni obufana nodlwengulo.

Kaloku ukuthobela isiko nenkolo sazi kunqanda izenzo ezimbi nezoburhalarhume emntwini. Liza kuba njani ikamva loMzantsi Afrika xa linabemi abaninzi abangamaxhoba odlwengulo. Ubalomanani lodlwengulo luchaza ukuba malunga nama40% abantwana abangamantombi okanye abantu ababhinqileyo kunye namakhwenkwe angama12% bayadlwengulwa rhoqo ngonyaka eMzantsi Afrika.

Kula manani, uya kufumanisa ukuba xa uwadibanisa, aveza ukuba amaxhoba odlwengulo ngama52% ngonyaka eMzantsi Afrika, kuthethe ukuthi amaxhoba odlwengulo maninzi ngaphezu kwabantu abasindayo kudlwengulo kweli lizwe.

Okona kubuhlungu kukuphawula ukuba kwezi ngxelo, ezona zenzo zodlwengulo zininzi zikwiindawo ekuhlala kuzo thina bantu bantsundu, nto leyo ithetha ukuthi, asithandani ncam, sicaphukelana ngangokuba silimazane kwathina sodwa, sibulale nekamva labantwana bethu ngokwethu, kwaye kweli ityeli, nokuba siyathanda okanye asithandi, asinakugxeka bani, singenakugxeka na-apartheid ngobu bulwanyana, kuba benziwa sithi, sikwenza kubantwana nakubantu bakuthi. Nqandekani, yekani le nto imbi kangaka niyenzayo. Kutheni ninganqandeki ninqandwa umhla nezolo na?

Xa kunje, nokuba uyakholelwa okanye akukholelwa kwizibhalo, ndicela ngamnye kuthi arhabule kumbongo kaDanyeli othandazela isizwe sakowabo xa esithi: “Asiliphulaphulanga ilizwi likaThixo wethu, ukuba sihambe ngokwemiyalelo yakhe abeyibeke phambi kwethu ngabakhonzi bakhe,” kungoko kugquba izenzo zehlazo phakathi kwethu.

UThixo, uQamata kaTayi wabathumela ooNtsikana Gabha; ooEnoch Mgijima; ooNxele Makana; ooSamuel Mqhayi; ooJJR Jolobe, nabanye, endaweni yokuhamba ngemiyalelo abayiyaleziweyo kuthi, sababetha ngoyaba. Kungoko sidlwengulana sibulalana sodwa!